UBobby ukhangela umqeqeshi obalaseleyo

Umanejala weKaizer Chiefs, uBobby Motaung, ethetha kwinkomfa noonondaba eNaturena Village

Amaqela ebhola ekhatywayo adlala kwiPremier Soccer League abuyele ezinkampini zawo – aqale kuzo amalungiselelo wesizini entsha.

Amanye amaqela sele ehlabele mgama kumalungiselelo wawo futhi ababhengezile nabadlali abatsha – kodwa abalandeli beKaizer Chiefs bebesoloko benxunguphele ngokuthi cwaka kwabaphathi abathembisa izinto ezintsha eNaturena.

Okunene kubekho intshukumo ebonakalayo noxa kungekapheleli. Amakhosi abhengeze ngokusesikweni abadlali abafikayo abane.

Oyena mdlali othe watsala umdla nowamkelwe ngovuyo ngabalandeli nguKhama Billiat obedlalela iMamelodi Sundowns. Abanye abadlali abatyikityiweyo nguLetlhogonolo Morwa, uAndriamirado Andrianarimanana noVirgil Vries.

Ukufika kukaVries kubothusile abantu abaninzi kuba uchithwe yiBaroka FC kutshanje – kodwa uMotaung uzithethelele ngelithi, iChiefs ibidinga unozinti onamava endaweni kaBrilliant Khuzwayo ohambileyo ekupheleni kwesizini.

Umdlali ovela eMadagascar, uAndrianarimanana, uchazwe nguBobby Motaung njengomdlali osezingeni eliphezulu futhi odlala ngendlela efanayo noReneilwe Letsholonyane owayedlalela iChiefs.

Ukufumana umdlali onjengoBilliat kunika ithemba lezinto ezintle abalandeli beChiefs emva kweengxelo ebezimoyamanisa namaqela aseYurophu.

Umphathi weChiefs uxelele iSABC Sport ukuba khange kube nzima ukufumana uBilliat ngoba iChiefs liqela elikhulu.

“Bekungekho nzima ukuza noBilliat nangona sisazi ukuba ungumdlali omkhulu nobefunwa phesheya ngoba sinendlela yethu yokwenza izinto kwiChiefs. Sahlukile kwamanye amaqela kwaye iChiefs liqela elikhulu – zininzi izinto ezibe nefuthe kwisigqibo sakhe uBilliat. Thina sithethe nabantu bakowabo – yiyo lo nto kube lula ukuza kuthi,” utshilo uBobby.

Kuvakala iindaba ezithi ngoku Amakhosi azama ukusondeza uStuart Baxter oqeqesha iBafana Bafana.

Nakubeni uBaxter ebopheleleke kwiSafa, uBobby uvumile ukuba ngoyena mqeqeshi okulungeleyo ukuqeqesha iChiefs emva kokuphoswa ngabaqeqeshi abathathu.

UMotaung utsho ethembisa abalandeli ngokuzama umqeqeshi obalaseleyo kwiChiefs kungekudala.