UBolt uyakunqwenela ngokwenene ukudlala ibhola ekhatywayo

(l-r): Percy Tau of Mamelodi Sundowns Usain Bolt and Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns during the 2018 Usain Bolt Visit Mamelodi Sundowns at Chloorkop, Gauteng South Africa on 29 January 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

 Image may contain: 3 people, people playing sports, grass, outdoor and nature

Imbaleki edla umhlala-phantsi,
u-Usain Bolt, ithi ikunqwenela ngokwenene ukudlala ibhola ekhatywayo. Le
ndedeba yaseJamaica ikuthethe oku ngethuba indwenwele kwinkampu yeMamelodi
Sundowns izolo – apho ithe yafumana ithuba lokuvavanya isakhono sayo sokudlala
ibhola ngethuba iqela liziqeqesha. Lo kaBolt ugaleleke kwilizwe loMzantsi
Afrika kwiveki ephelileyo ekutyelelo kwiidolophi ezithile ahamba eshumayela
ukulungiselelwa kolutsha iindawo zokudlalela kuba esithe ziba nefuthe elihle
kakhulu eluntwini okanye entlalweni yabantu. UBolt, ogqugqisileyo kwihlabathi
njengeyona ndoda ebaleka kakhulu, ibilundwendwe kundlunkulu weSundowns
nanjengoko naye exhaswa yinkampani yaseGermany eyenza impahla zemidlalo –
uPuma.

UPitso Mosimane uxelele
uBolt (eqhula) ukuba kufuneka azame ukuzilolonga kwakhona ukuze alungele
ukudlala. “Eyona nto ndiyithandayo singamfumana simahla xa sifuna ukumtyikitya.
Nayiphi na indawo afuna ukudlala yona angadlala kuyo. Angadlala njengefolosi
ngenxa yobude bakhe, kanti angalunga naphaya ezipalini – nokuba kukweyiphi
indawo ayikhethayo,” utshilo uMosimane.

UBolt ukhe wangundaba
mlonyeni engekabeki phantsi ngethuba kuvakala iindaba ezithi ufuna ukudlalela
amanye wamaqela webhola ekhatywayo amakhulu eYurophu. Kwakhona izolo, uBolt
uyibethelele into yokuba uyakurhalela nyhani ukudlala ibhola ekhatywayo futhi
akadlali xa esitsho. “Kudala ndayidlala ibhola ekhatywayo – kodwa eyona nto
ndandiyithanda kakhulu yayiyiqakamba. Ndandiba ngunozinti ebholeni ndisakhula.
Yinto endandiyithanda futhi ndifunda kumabanga apha esikolweni. Ekuhambeni
kwexesha umqeqeshi wam wathi mandohlukane nebhola. Ndandikuba ukudlala ibhola
nabahlobo bam,” utshilo uBolt.

“Ndagqiba kwelokuba
ndizame emva kokubeka phantsi kwicandelo lee mbaleki. Ndikufuna nyhani ukudlala
ibhola. Ukuba uyandilandela, uyakukhumbula ukuba ndiya kuvavanyo kwiBorussia Dortmund – apho ndiza kuzama
khona,” utshilo uBolt.

Le ndedeba iphume
incumile kwinkampu yeDowns ebiziqeqesha kuyo emva kokufaka igowuli. Kulapho ithe
yaphawula khona neendawo ekufuneka izilungise ukuze ukulungele ukuba ngumdlali
webhola ekhatywayo. “Bendingakuthanda ukudlala ephikweni – kodwa abadlali
nomqeqeshi bathi ndifanelwe kukudlala phambili njengefolosi. Ndinethemba lokuba
izakwenzeka ke lo nto. Ndimxelele umqeqeshi (ebhekisa kuPitso Mosimane) ukuba
xa ndifika eJamaica, ndiza kumxelele uGlen Mills (umqeqeshi wakhe) ukuba
kufuneka ndifumane isithuba esingangenyanga ndizilolonga phambi kokuba ndiye
kolunye uvavanyo,” uvale ngalo mazwi uBolt.