UBonde uyithembile iDowns kwiChampions League!

Umlandeli omkhulu weMamelodi Sundowns, uNdyebo Bonde, uncokole neli phephandaba ngezinto azithandayo.

Le ndedeba ikwamema onke Amasandawana ukuba axhase iqela lawo kumdlalo weCaf Champions League.

Nondwe Tyilo: Ungubani, ingubani umdlali omthandayo kwiSundowns kuba kutheni?

Ndyebo Bonde: NdinguNdyebo “Sky Ndyera” Bonde. Ndihlala eMthatha (Slovo Park) Sundowns Mthatha Branch. NguHlompho Kekana – Indlela akhokela ngayo iqela, udlala ngokuzimisela ezinikezele enika konke kwesasisu seqela lethu.

NT: Uqale nini ukulandela iMamelodi Sundowns?

NB: Ndaqala ukuyilandela ngo1998. Into eyanditsalayo yindlela elidlala ngayo ibhola eli qela. Libekelwa phantsi kodwa linobungozi.

NT: Iqela lakho lidlala kakuhle kakhulu, ucinga ukuba yintoni ayenza kakuhle umqeqeshi?

NB: Kukugcina abadlali bonwabile nokuzithemba kwabadlali, naso sonke isigqeba seqela nanjengoko umqeqeshi (uPitso Mosimane) ebeke watsho ukuba ufuna ukugcina abadlali bonwabile.

NT: Yintoni ebangela abalandeli bangagcwali emabaleni?

NB: Yindlela ekuyiwa ngayo kubalandeli beSundowns. Thina balandeli asiphathekanga ngokufanayo, kodwa ke sithanda iqela lethu, siyaya silelo qaqobana likhulayo.

NT: Iqela lakho lidlulele kumjikelo olandelayo kwiMTN 8, uziva njani ngalo nto?

NB: Ndonwabile kakhulu kuba lithuba lokuba iSundowns yosule kwandebe ekhoyo kule sizini njengoba sinabadlali abakwizinga eliphezulu.

NT: Nisecicini lokuphuma kwiChampions League, ucinga ntoni?

NB: Kona sisecicini lokuphuma kodwa siliqela elinamava. Sike sakuso esi simo ngaphambili; ndikhumbula sibethwe yiZesco United. Kwanyanzeleka siphumelele ekhaya, nangoku sikweso simo sokuba kunyanzelekile ukuba siphumelele ekhaya. Ndikhuthaza ndikwacenga Amasandawana ukuba siye ebaleni siyokuxhasa iqela lethu ngoba liyasidinga singabalandeli.