UBongani Khumalo ubhokoxe iipokotho zakhe ethengela abantu abasokolayo ukutya!

Bongani Khumalo of Supersport United during the Absa Premiership 2018/19 match between Supersport United and Polokwane City at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 13 April 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umdlali weSuperSport
United, uBongani Khumalo, usebenzise umvuzo wakhe wonke wenyanga ngethuba
ethengela abantu abasweleyo ukutya kutshanje. Isenzo sikaKhumalo sokubhokoxa
ziipokotho zakhe siphenjelelwe lifuthe lesifo esigqugqisa ihlabathi ekuthiwa
yikhorona nesinyanzele abantu bahlale ezindlini. UKhumalo, 33, uthi konke
akwenzileyo ukwenza ngentliziyo yakhe kwaye akufuni kudunyiswa ngokwenza kwakhe
into elungileyo. Omnye wabantu abambalwa kwezemidlalo ophokeleyo kwicala
lokunceda uluntu ngeli thuba lekhorona nguKapteni weqela lesizwe lombhoxo
loMzantsi Afrika, uSiya Kolisi. Ziipasela zokutya eziye zalingana amakhulu
amabini wabantu azithenge ngomvuzo wakhe wenyanga. “Ndiye ndacinga ukuba
mandithengele abantu ukutya. Lo nto iphuma entliziyweni yam. Mna ndinento
endiyifumanayo kwaye ndinethemba lokunceda abantu abaphaya kumakhulu amathathu
ngelithuba lobunzima. Ndiza kuyenza lo nto nalapho ndazalelwa khaona, eSwatini.”

“Konke oku
ndikwenza ndisisiqu – kodwa andifuni kuzukiswa ngokwenza okuhle,” utshilo
uKhumalo ethetha nephephandaba langempelaveki. UKhumalo ngomnye wabadlali abahleli
ixesha elide kwiPSL kwaye sele esuka kudlalela iqela elifana neTettenham
kwelaseNgilane. Kanti apha ukhokele iqela lesizwe, iBafana Bafana, waze
wadlalela neBidvest Wits phambi kokubuyela kwiSuperSport United edlala kuyo
phantsi kukaKaitano Tembo. Kule sizini, Amatsatsantsa a Pitori sele efake
indebe yeMTN 8 engxoweni. Nangona iKaizer Chiefs isahleli kwindawo yokuqala –
kodwa iSuperSport United ifuthela emagxeni kwindawo yesithathu emva
kokuqokelela amashumi amane amanqaku. UKhumalo uthi usenomnqweno wokufumane
enye indebe kwiSuperSport. Yonke imidlalo ye-Absa Premiership yahlehliswa
ngenxa yekhorona. Akukacaci okokuba imidlalo eshiyekileyo iya kudlalwa nini na
ngoba uMzantsi Afrika usazama ukulwa ukunwenwa kokosulelana kwabantu.