Owayesakuba ngumdlali wasesiswini weMamelodi Sundowns uBongani Zungu ekugqibeleni uzifumanele iqela elitsha. NgoLwesibini, uZungu ubhengezwe ngokusesikweni liqela laKwaZulu-Natal AmaZulu.
UZungu ebengenalo iqela ukusukela oko wayishiyayo iSundowns ekupheleni kwesizini edlulileyo, kwaye bekukho iingxelo ezithi angadlalela elinye lamaqela aseSoweto – iKaizer Chiefs okanye iOrlando Pirates ngelo xesha.
Nangona kunjalo, AmaZulu, eqeqeshwa ngokubambisana nguArthur Zwane noVusumuzi Vilakazi, aphumelele ugqatso lokumfumana njengomdlali.
Ethetha ngesigqibo sakhe sokudlalela AmaZulu, azibone ehle kakhulu kwindawo yeshumi elinesithathu kwiBetway Premiership, uthe injongo yakhe buqu kukuncedisa eli qela linyukele kwiligi ngelixa ekwanegalelo kubadlali abatsha. Kwaye, ukwafuna ukuphumelela iindebe.
“Onke amaqela endikhe ndawadlalela, ndikwazile ukuphumelela iindebe, kwaye ndifuna ukuzisa kwaloo ngqondo ifanayo yokuphumelela apha. Ndiyayazi into efunekayo ukuze uphumelele, kwaye yinjongo yam,” oku kuthethwe ngumdlali wasesiswini oneminyaka engama32 ubudala ngokutsho kweKickOff ngoLwesibini.
“Ndikwachulumancile ukuqeqeshwa nguArthur Zwane noVusi Vilakazi.
“Ndikhe ndayibukela imidlalo yaMaZulu, nendlela adlala ngayo. Ukuqonda kwam ibhola ekhatywayo kuza kunceda iqela, kodwa ndiyayazi ukuba kufuneka ndisebenze nzima ukuze ndifumane indawo yam.”
KwiSundowns, kuthiwa ukuhamba kukaZungu sesinye sezizathu ezithiwe thaca ngokuqhawuka kwentsebenziswano phakathi kobesakuba ngumqeqeshi oyintloko uRulani Mokwena noFlemming Berg ongumlawuli wezemidlalo.
Kwinyanga nje edlulileyo, kwavakala ukuba usecicini lokuya kwiChiefs, kodwa eli qela laseNaturena kuye kwafuneka likhulule abadlali abaninzi ukuze kubekho indawo kaZungu obekhe wadlalela iGlasgow Rangers.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!