UBongiwe Msomi unike ithemba abantwana baseLusikisiki abadlala umnyazi

UBongiwe Msomi, odlalela iqela lesizwe lomnyazi, uthethe nabantwana baseMqikela S.S.S kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Pedro Mapelo

UKapteni weqela lesizwe lomnyazi, uNksz. Bongiwe Msomi, unike abantwana baseLusikisiki abadlala umnyazi amazwi wenkuthazo ngelithi umntu uyakwazi ukuba yinto elizweni ngenxa yezemidlalo. Kwiveki ephelileyo, uMsomi (33) ebephakathi kwezitatanyiswa emsithweni wenkampani yakwaMultiChoice ngethuba iphisa ngebala lokudlalela imidlalo entlobo ntlobo eMqikela S.S.S. kwilali yaseGoso, eLusikisiki.

Phakathi kwemidlalo eza kuthi idlalelwe ebaleni elitsha kukho umnyazi, ibhola ekhatywayo, ihoki neminye imidlalo. Phambi kokusongwa kwenkqubo yosuku, uKapteni weProteas uphose amazwi ambalwa njengomntu naye oyaziyo indlela ekunzima ngayo ukukhula xa ungumdlali wasezilalini, nokuba ngowuphi na umdlalo owudlalayo xa ungenayo imali nezixhobo zokuncedisa.

“Le nto ithetha lukhulu kumntu ofana nam owaqala umnyazi efundiswa ngutitshala wade wafikelela kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uMsomi. “Ndifuna ukuthi kuni nonke, ukuba sesikolweni nokugadwa ngumntu okufundisayo kukwenza ube ngumntu olulutho ebantwini. Yenzekile lo nto nakobam ubomi yandivulela namathuba amakhulu okuphila. Iza kwenzeka nakuni lo nto ngenye imini,” utshilo uMsomi.

UMsomi ngomnye wabadlali abaphambili kwibhola yomnyazi eMzantsi Afrika. Kutshanje, ukhokele iqela lesizwe loMzantsi Afrika kwiitumente ezifana nendebe yehlabathi neSpar Challenge Tri-Nations ephunyelelwe nguMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo. Nangona esengumdlali osenamandla – kodwa kwelinye icala unomsebenzi awenzayo wophuhliso.

Okwenziwe nguMultiChoice ukuncome kakhulu uMsomi ophuma kwiphondo laseMpumalanga ngokokuzalwa. “Kubaluleke kakhulu ukuncedisa kweenkampani kwicandelo lezemidlalo, hayi umnyazi kuphela. Abantwana bayifunda esikolweni imidlalo. Sonke siyayazi lo nto. Okwenzeka apha (eGoso) kubaluleke kukhulu ngoba asinto yosuku olunye.

Le yinto eza kuhlala iminyaka. Ibala linika abantwana ithuba lokuba ngabadlali, abaqeqeshi nokuba ngoosompempe bangomso,”utshilo uMsomi kwiveki ephelileyo. UZinzi Ngozi, okhokela iqela lomnyazi eMqikela, ubulele kuMultiChoice ngokubapha iimpahla zokudlala watsho ethembisa ngelithi baza kuligcina ibala eliphiwe isikolo sabo.