UBooi uza kugxila kuphuhliso lwamanqindi

Umququzeleli osakhasayo uKwezi Booi wenkampani entsha ekuthiwa yiZuko W Boxing Promotions uthi uza kugxila ekuphuhliseni iimbethimanqindi ezisakhasayo.

Lo mzi mtsha oququzelela amanqindi uza kusingatha itumente yokuqala eKomani Indoor Sports Centre ngomhla wesixhenxe kweyeDwarha ngo’02:00. UMnu. Booi uthi okwangoku uza kuququzelela imilo yeembethimanqindi ezisakhasayo.

“Sifuna ukulwisa iimbethimanqindi ezisakhasayo, sifuna ukugxila ekuphuhliseni,” uBooi utshilo.

Uthi unomnqweno wokusa amanqindi kwiidolophu zaseMpuma Koloni ezinqatyelwe yimilo yeembethi ezihlawulwayo.

“Sizimisele ukusa amanqindi ebantwini kwiMpuma Koloni yonke. Abantu beli phondo bayawathanda amanqindi.” UBooi ubulele uMasipala waseChris Hani District ngokumxhasa ngokwezimali.

“Esinye sezizathu esisizise eKomani kukuba inkxaso ngokwasezimalini siyifumene kuMasipala iChris Hani. Siyababulela kakhulu ngokusixhasa,” utshilo uBooi.

Yagqibela ngo2016 imilo yeembethimanqindi ezihlawulwayo eKomani. Imilo ephambili kwitumente ezayo iquka okaKhanyiso Siko waseZiphunzana oza kube ejijisana noPhumlani Maloni waseMakhanda ngentshinga yeMpuma Koloni kudidi lweNgcongolo.

Waphunyelelwa nguMaloni umlo wokuqala wala magatyana. Inzalelwane yaseSada, uSiphosethu Nxazonke, iza kuqhekezana noThandolwethu Nkwenteni kumlo omijikelo emithandathu kudidi lweJunior Fly. UBongani Mbiko uza kulwa noSikhokelo Thuso kumlo okudidi lweLightweight.

Yena uAphelele Nkina uza kulwa noXolani Zindlo; uAthi Klaas uza kubethana noLusizo Manzana. ULuyolo Mbombo uza kuvana amandla noSabelo Nkosi.

UMasibulele Mjila uza kukhangela impumelelo kuZamuxolo Phongomile.ULwandile Ngxeke alwe noMnikelo Mangqobe.