UBooi wenze imbali embhoxweni weMpuma Koloni

UChumani Booi ngumqeqeshi omtsha we-Eastern Province

Kwenzeke imbali embhoxweni kule veki ngethuba kubhengezwa uChumani Booi njengomqeqeshi omtsha oza kuxhuzula imikhala kwiEastern Province.

Isibhengezo senziwe nguMongameli we-Eastern Cape Rugby Union, uAndre Rademan, emini emaqanda ngoLwesibini wale veki eBhayi.

Ukuqeshwa kukaBooi njengomqeqeshi we-Eastern Province kuqhwatyelwe izandla ngabantu abaninzi embhoxweni abakubone ukuqeshwa kwakhe njengenyathelo elihle eliqinisekisa okokuba abantu abamnyama banikwa ithuba lokuqeqesha amaqela adlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu.

Ngoku uBooi ngumqeqeshi wokuqala eMzantsi Afrika onikwe uxanduva lokuphatha iqela lombhoxo lephondo.

UBooi, 39, ngumntwana womgquba apha eMpuma Koloni, wazalelwa eHewu (Whittlesea).

Waqala ukuzenzela igama embhoxweni ngeminyaka yoo2000 edlalela iBorder. Emva koko waye waziqaqambisa kumaqela amakhulu eMzantsi Afrika afana neSharks, iCats neStormers kwiSuper Rugby. UBooi ebekade engumncedisi kwiqela lesizwe ekwalilo nesekela likaDeon Davids oqeqesha iSouthern Kings edlala kwiPro 14.

Iqela likaBooi lilungiselela ukuthatha inxaxheba kwiSuperSport Rugby Challenge neCurrie Cup.

Kodwa eyona ekufuneka ayilungiselele ngoku ngumdlalo weSuperSport Rugby Challenge ophakathi kwe-Eastern Province neBoland ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga.

Ukwamkele ngovuyo olukhulu nentobeko ke kambe uBooi uxanduva nentembeko eboniswe ngabaphathi bakhe abatsha.

“Ewe, ndiyavuya ngoba ukuchongwa kwam liwonga elikhulu. Ukuqeqesha iEastern Province nokumela eli phondo yinto enkulu kakhulu kum. Sinaso isicwangciso esiza kuqinisekisa okokuba siyaliqinisa iqela sisebenzisa nabadlali abadlala kwiPro 14. Okuhle kuthi singabaqeqeshi kukuba siyaxhaswa ngabaphathi bethu. Sizimisele ukuvelisa nokuqokelela abadlali abakwizinga eliphezulu, abaphuma kwiphondo laseMpuma Koloni. Italente ifele kweli phondo, okwethu kukuqokelela silungise phaya naphaya ukuze sikhuphe iqela elakwenza ngokwendlela esicwangcise ngayo,” utshilo uBooi ethetha kwiMetro FM.