Umdlali weJunior Boks uCurwin Bosch wonyuliwe phakathi kwabanye abadlali abahlanu abagaqele iwonga lomdlali obalaseleyo kwitumente yehlabathi yabadlali abangaphantsi kwamashumi amabini eminyaka eqhuba eNgilane. Oku kubhengezwe izolo ngumbutho owongamele umbhoxo kwihlabathi.
Uzakube ekhuphisana noMax Deegan we-Ireland, Ataata Moekiola waseJapan, uHarry Mallinder waseNgilane, umdlali phikweni waseNew Zealand uShaun Stevenson – nabo abagaqele eli wonga.
UBosch obefumene iwonga lokuba ngumdlali obalaseleyo kumdlalo weJunior Boks neFrance ngoyena mdlali unamanqaku amaninzi kunabanye abadlali kolu khuphiswano.
Sele eqokelele amanqaku angamashumi amahlanu anesithoba kwimidlalo emine kwiJunior Boks. Ungqengqe emgceni kabini, waqabelisa amatyeli alishumi elinesine wafumana iipenalthi ezisixhenxe.
Umdlali okhabayo weSpringboks uHandre Pollard yayingumdlali wokugqibela walapha eMzantsi Afrika ukuphumelela eli wonga ngonyaka ka2014.
Ngelixa yena uJan Serfontein wayelifumene ngonyaka ka2012 xa iiJunior Boks zaziphumelela itumente kumhlaba wazo.
UBosch uvakalise uchulumanco ngokutyunjwa kwakhe, kodwa uthe eyonanto ajonge kuyo kakhulu ngumdlalo wabo ne-Argentina wokulwela indawo yesithathu ngoMgqibelo.
“Liwonga ukutyunjwa kunye nabadlali abafana naba kwiwonga lomdlali ohamba phambili,” utshilo uBosch ozakube egqiba iminyaka elishumi elinesithoba ngoMgqibelo.
“Ithetha lukhulu kum le nto kodwa eyonanto ibalulekileyo kum ngoku kukuba iqela lethu lifumane indawo yesithathu nembasa yebronze ngoMgqibelo. I-Argentina liqela elinzima kakhulu kwaye bazakudlala ngokuzinikela, nathi sineenjongo zokwenza ngolo hlobo.”
Umbutho olawula umbhoxo kwihlabathi uzakubhengeza umdlali ophambili kwitumente emva komdlalo wamagqibela kankqoyi, ozakube uphakathi kweNgilane ne-Ireland ngokuhlwa ngoMgqibelo.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!