Ubothulela umnqwazi abadlali bakhe uPitso

UPitso Mosimane umqeqeshi weMamelodi Sundowns eLucas Moripe Stadium izolo. Umfanekiso: BackpagePix

Uzingomba isifuba umqeqeshi weMamelodi Sundowns ngenxa yomsebenzi omhle othe wenziwa ngabadlali bakhe kumdlalo obalulekileyo izolo.

IDowns iphumelele umdlalo obaluleke kakhulu izolo eLucas Moripe Stadium emva kokubetha iZesco United yaseZambia kumdlalo weCaf Champions League eyayiphumelele ngo’2-1 enkundleni yayo kwiveki ephelileyo.

Amagowuli ancede iSundowns amabini afakwe ngu-Anthony Laffor noPercy Tau – kodwa uPitso Mosimane ukhankanye amagama wabadlali ababini athi ngabona badlale indima ebonakalayo kulo mdlalo wayizolo.

Abo badlali nguTiyani Mabunda noTau. Bobabini aba badlali badlala umdlalo ophucukileyo kweli qela lasePitoli kwaye ngabona badlali bathe balibamba ngezandla zozibini ithuba abalinikiweyo lokudlala.

“Umdlalo wona uwushukumisile umoya wam, kodwa ke kufuneka uzibambe ukuze ungalahli indlela ocwangcise ukuqubisana ngayo nomdlalo. Abadlali bethu bagqibe lonke ibala, besenza izinto ezingafanelekanga,” utshilo uPitso.

UMosimane uthi iqela lakhe alibethwa nje nokuba leliphi iqela eLucas Moripe Stadium.

“Kunzima kakhulu ukubethela iMamelodi Sundowns ekhaya. Kufuneka iqela lidlale umdlalo ophezulu kakhulu ngakumbi kwimidlalo emibini elandelelanayo,” utshilo uJingles ebhekisa kwiZesco.

“USugar Mabunda uvelise umdlalo omhle kakhulu, uPercy Tau, ndiyavuya ngoba ufake igowuli ngentloko kwiChampions League, intle kakhulu into eyenzekileyo – yimbali kwiSundowns,” utshilo uMosimane.

Kumdlalo wokugqibela iSundowns izakudlala neZamalek ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo eYiphutha.