UBrandon Truter ufuna iRichards Bay yenze bhetele kwisizini entsha

Umqeqeshi weRichards Bay omtsha, uBrandon Truter, uthi ufuna kuguquke izinto ukuze iqela lakhe livale isizini endaweni ebhetele. Kwisizini ephelileyo, iRichards Bay idlale imidlalo yokuxabangela ukuze igcine indawo yayo kwiBetway Premiership emva kokubamba indawo yeshumi elinesihlanu.

Abaphathi beqela baqashe uTruter endaweni kaVusumizu Vilakazi nakubeni ebahlangulele iqela awafika lizika. UTruter ubuyele kwiPSL kwakhona emva kokuba wagxothwa yiSekhukhune United kunyaka ophelileyo.

“Asifuni ukuzibhaqa sijingelwa lizembe kwakhona. Zininzi iinguqu eziza kwenziwa. Indlela esicinga ngayo kufuneka iguquke nakubeni sishiyekelwe ziiveki ezimbini kuqale imidlalo,” utshilo uTruter ethetha neentatheli eGoli emva kokuphehlelelwa kwesiqendu esitsha seBetway Premiership.

“Sekudlule iiveki ezine ngoku ndisebenza kweli qela. Inkqubela esiyenzile iyancomeka. Emva kokufumana abadlali abafana noThabiso Kutumela noSiyethemba Sithebe, kufuneka sivale isizini endaweni ebhetele noko,” utshilo umqeqeshi weRichards Bay.

Njengokuba onke amaqela eqala isizini kwiveki ezayo, uTruter uza kusebenzisa itumente engempelaveki njengeqonga lokujonga umgama ohanjwe liqela lakhe kwicala lamalungiselelo. “Sinetumente esiza kudlala kuyo ngempelaveki. Siza kuzivavanya kuyo – kodwa ndiqinisekise ukuba sisekhondweni elihle kakhulu.

“Kwicala lokutyikitya abadlali, bakhona abadlali esicinga ukuba singabafumana ngoba sifuna ukuqinisa iindawo ezithile,” utshilo uTruter ofuke kamnandi iRichards Bay ifumane inkampani eyixhase ngezigidi ezingamashumi amabini erandi kule sizini.