UBrockie noZwane bancede iDowns emdlalweni weCaf Champions League

Jeremy Brockie of Mamelodi Sundowns celebrates goal during the Absa Premiership match between Mamelodi Sundowns and Free State Stars on the 07 November 2018 at Loftus Versfeld Stadium / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Amagowuli
amabini afakwe nguJeremy Brockie noThemba Zwane ancede iMamelodi Sundowns ezuze
impumelelo yayo yokuqala Caf Champions League. Amasandawana abethe iLeones Vegetarianos
yase-Equatorial Guinea
ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni wokuvula odlalwe kule veki
eMalabo. Ifolosi yeDowns, uJeremy Brockie ufake igowuli kwaze kwalandela
elifakwe nguZwane. Ukufumana kwakhe igowuli uBrockie emdlalweni ziindaba
ezimnandi kuye nakwiqela lakhe ngoba lo nto iza kufunqula ukuzithemba kwakhe emva
kokunqatyelwa ngamagowuli isithuba esingaphaya konyaka ukusukela mhla wathengwa
kwiSuperSport United.

UThemba
Zwane uqinisekise okokuba iSundowns ibuya namanqaku amathathu ngokufaka elakhe
igowuli. ULebohang Maboe no-Andile Jali ngabanye babadlali ekuthiwa badlale
kakuhle emdlalweni weChampions. Bobabini aba badlali bebeqala ukudlalela iDowns
kwiChampions League eqale kule veki. Enye into ethe yaqapheleka emdlalweni
kukudlaliswa kukaRivaldo Coetzee ohleli ixesha elide engadlali ngenxa
yokonzakala. Njengokuba kubonakala ukuba uphuncukile ekonzakaleni –
kunokwenzeka uPitso Mosimane amnike elinye ithuba kwimidlalo ezayo.

Iqela
likaMosimane kufuneka liyiphose ngasemva ngokukhawuleza eyenzeke eMalabo ngoba
linomdlalo obalulekileyo ngempelaveki. NgeCawe ngentsimbi yesithathu, iSundowns
iza kuvana amandla neSuperSport United emdlalweni we-Absa Premier Soccer League
ozakube useLucas Moripe Stadium. Umdlalo wala maqela mabini kulindeleke
ubenzima macala kwaye ubaluleke kuwo omabini.