UBrockie uthabathekile ziimbono zikaPitso

UJeremy Brockie ngumdlali omtsha weMamelodi Sundowns

IMamelodi Sundowns yenze edume ngayo kwakhona. Ithenge uJeremy Brockie – oyena mdlali onamandla nonefuthe kwibhola yeli lizwe ngemali eqikelelwa ngaphaya kweshumi lezigidi zeerandi.

Emva kokuxhathisa ixesha elide efunwa lo mdlali ngamaqela amakhulu, ingqonyela yeSuperSport United, uStanley Matthews, ide yabona kufanelekile ukumkhulula oyena mdlali woyikwayo, mhlawumbi – kuba besekucaca ukuba uBrockie ufuna ukuhamba.

Ekuqaleni kwale veki uMatthews ungqinile ukuba le folosi yaseNew Zealand ithengiselwe iSundowns.

Ukubambelela kwakhe uMatthews kulo mdlali ukwenze kuba ebefuna ukuqinisekisa ukuba ufumana imali eninzi xa emthengisa.

Utshilo ke kambe ukuba uBrockie ngoyena mdlali othengiswe ngemali eninzi yiSuperSport United.

Le folosi yenze umsebenzi oncomekayo kuMatsatsantsa a Pitori emva kokufaka amagowuli akumashumi amahlanu nane (54) kuyo yonke imidlalo ayidlalileyo ukusukela ngo-2015.

Uncede iSuperSport kwiindebe ezintathu eziphumeleleyo nakwiCaf Confederation Cup eyoyisakele ekugqibeleni kuyo ngo-2017.

“Kunzima ukuphulukana nomdlali obukhali njengoJeremy. Kule minyaka abe nathi ngayo, uBrockie ngoyena mdlali ofake amagowuli amaninzi. Siye saqonda ukuba eli lelona thuba lakhe lokugqibela lokuzenzela imali. Yiyo lo nto isigqeba esilawulayo sigqibe kwelokuba akhululwe,” utshilo uMatthews.

Into ecacileyo kwintetho kaBrockie yokuqala njengomdlali weDowns kukuba iimbono zikaPitso Mosimane uye wazithanda kwaye kuyabonakala ukuba ufike endaweni ebeyifuna kakade.

“Iinjongo zikaPitso ezimkhokelela empumelelweni ziyandikhuthaza ziphinde zindonwabise kwangaxeshanye. Ndikungxamele kakhulu ukudlala phantsi kwakhe. Xa ethetha ngokuphumelela iChampions League, umdlali uyakhuthazeka yilo nto kwaye ndingavuya ukuba ndingayiphumelela nam,” utshilo uBrockie.

Kunokwenzeka uBrockie adlaliswe nguPitso kumdlalo wePSL ophakathi kweSundowns nePlatinum Stars ngo’18:00 eLoftus Versfeld Stadium ngoMgqibelo.

Amakhwenkwe kaPitso asazikhotha amanxeba emva kokubethwa ngo’3-1 yi-Orlando Pirates. Kule veki iDowns izakufuna ukulungisa izinto ukuze ihlale phezulu ngaphandle kwexhala.