UBrockie uyingcwabele enkundleni yayo iMaritzburg United

Jeremy Brockie of Supersport United celebrates a goal during the MTN8 Semi Final Second Leg match between Maritzburg United and Supersport United on the 09 September 2017 at Harry Gwala Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Amatsatsantsa a Pitori aya kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN8 engqawuza emva kokubetha iMaritzburg United ngo’2-0 kumdlalo obunomtsalane eHarry Gwala Stadium namhlanje ebusuku. Ifolosi ekhathazayo kakhulu, uJeremy Brockie, nguye owenze idemesha kulo mdlalo wanamhlanje. Omabini amagowuli afakwe yile ndedeba yaseNew Zealand kwisigaba sokuqala ngentloko. Iqela lika-Eric Tinkler liye emdlalweni liphantsi koxinizelelo kancinci ngoba umdlalo wokuqala eLucas Moripe Stadium waphela ebambene ngo’1-1. Lo nto ibisithi kufuneka iSuperSport United iphumelele namhlanje – logama iTeam of Choice ibifuna nje kudlalwe ngokulingana.

La maqela asukelene zisuka kwisigaba sokuqala somdlalo futhi kuye kwacaca okokuba ayinxanelwe impumelelo. Abadlali abanamava beSuperSport kwimidlalo yokhuphiswano bawenze lula umsebenzi ngokuthi basebenzise amathuba abawafumanaye emdlalweni – eyona nto ibalulekileyo nefunekayo xa udlala imidlalo efana nalo wanamhlanje. Kwelayo icala iMaritzburg ibingaziyekelanga ngoba umdlalo ubulawulwa yiyo – kodwa izame yancama ukugqobhoza phaya emva. Kwisigaba sesibini akukho nto ingakho eyenzekileyo ngoba iSuperSport United ibiwugqibile umsebenzi. UFadlu Davids ufake uYazid Atouba no-Andrea Feliccia – injongo ibikuzama ukufaka ixinizelelo kwiSuperSport ebiqine ngoMorgan Gould noClyaton Daniels emva.

UTinkler ugoduka encumile emva kwalo mdlalo ngoba unethuba lokufumana indebe yesibini njengomqeqeshi efikwa kwiSuperSport United. Kwelinye icala uxoliswe nguBrockie odlale ngokuzimisela emva kwembambano encinci phakathi kwakhe neqela ngenxa yokungakhululwa kwakhe emva kokufaka isicelo sokuhamba.

 

Maritzburg United: Mpandle, Fransman, Xulu, Weidlich, Makaringe, Rusike, Ndlovu, Shandu, Maboe, Van Wyk, Mekoa.

SuperSport United: Williams, Kekana, Gould, Daniels, Modiba, Phala, Mokoena, Furman, Letsholonyane, Brockie, Grobler.