UBroos uxhaywe yiSafa kungaphelanga nosuku emva kokukhetha uNtseki

UHugo Broos ngumqeqeshi omtsha waBafana Bafana. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kungekapheli neveki uHugo Broos efikile eMzantsi Afrika, iSafa imxhaye kakubi emva kokukhetha uMolefi Ntseki njengesekela lakhe lesibini. Umqeqeshi waBafana Bafana ubhengeze igama likaNtseki kwincoko yakhe yeSA FM izolo ngorhatya. Ingxelo ekhutshwe yiSafa ithe akukho sekela lomqeqeshi eliqeshiweyo. UNtseki wohlukene neSouth African Football Association (Safa) kutshanje emva kokuba aBafana Bafana bengakwazanga ukufumana indawo kwitumente ye-Afrika (2022 Africa Cup of Nations) eza kubanjelwa eCameroon kunyaka ozayo.

Uza kuncedisa uHugo Broos oqale ukuba ngumqeqeshi waBafana Bafana kule veki. Umqeqeshi omtsha wayixelela iSafa okokuba uza nomncedisi wakhe waseBelgium – kodwa wathi kufuneka kubekho umntu aza kusebenza naye walapha eMzantsi Afrika. Khange afune ukulidiza igama lomntu walapha aza kusebenza naye ngethuba ethetha nabeendaba ngoLwesibini kule veki.

UMolefi Ntseki, owayengumqeqeshi waBafana Bafana, ucelwe nguHugo Broos ukuba abe yinxalenye yeqela lesizwe kwakhona. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

“Umncedisi wam iza kuba nguMolefi Ntseki. Sendidibene naye izihlandlo ezibini. Unolwazi oluphangaleleyo ngabadlali kwaye uthe angakuvuyela ukuba ngumncedisi wam,” utshilo uHugo Broos, ethetha neSA FM Sport. Igama lomnye umncedisi wakhe nguCedomir “Cede” Janevski. Kungoku nje ungumqeqeshi we-Olympiakos Nicosia yaseCyprus. Wayekhe wadlalela amazwe afana neYugoslavia neMacedonia. Kulindeleke balungiselele imidlalo yokuya kwiFIFA World Cup eza kuqala ekuthambekeni kwalo nyaka emva kokuhlehliswa kwayo yiCAF ngenxa yeKhorona.