Njengokuba kukho isankxwe ngenxa yeKaizer Chiefs engaqhubi kakuhle, uBruce Bvuma uthi okuxoxwa ngabalandeli akubaphazamisi bona. UBvuma ebephakathi kweepali ngethuba iChiefs ibethwa yiCape Town City ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Umqeqeshi uvumile ukuba iqela likhangela abadlali abatsha abaza kulifunqula. Ekuqaleni kwesizini, uNasreddine Nabi ebesebenzisa uFiacri Ntwari njengonozinti wakhe. Uye wenza iimpazamo kakhulu, wabhenela kuBrandon Petersen. Naye umyekile wancamela kuBruce Bvuma onikwe ithuba emidlalweni emibini egqithileyo.
Nakubeni iChiefs inengxaki yokungakwazi ukufaka amagowuli – kodwa eyona inkulu kukufakwa kwamagowuli kuyo. Ayikabinaye unozinti eqinisekileyo ngayo. Lo nto yenza kungabikho uzinzo ncam xa iqela lidlala. Kodwa uBvuma uthi akazimiselanga ukumamela ingxolo ekude kuye.
“Sonke siyazi ukuba kukho abadlali abafuna ukudlala kwezi ndawo esidlala kuzo. Yindlela endiyijonga ngayo mna imeko esikuyo. Bonke bafuna ukuza kwiChiefs,” utshilo uBvuma ethetha neentatheli izolo eNaturena. Kuko okwenzekayo, uBvuma unxanelwe ukudlala ngaphezulu kwezinye iisizini.
“Xa ulapha, kubalulekile ukulisebenzisa ithuba olinikiweyo. Nokuba yintoni ke ethethwayo ngabantu, ayindichaphazeli mna. Okwam kukuzama ukwenza umsebenzi ofunwa yiChiefs. Ndifuna ukudlala kakuhle ndigcine nendawo yam eqeleni,” utshilo uBvuma.
Kulindeleke ukuba Amakhosi axakane nento xa edibana neStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership. Oku kulindeleke emdlalweni oza kube useFNB Stadium ngorhatya ngentsimbi yesixhenxe namhlanje. Kunyanzelekile Amakhosi azame ukufumana iziphumo ezincumisayo emva kokudibanisa amashumi amahlanu anesihlanu eminyaka izolo.
Useziseleni uGogo Maweni!