Ubudikidiki beChippa kule sizini buyaxhalabisa

UThamsanqa Sangweni weChippa United

Emva kokuzenzela imbali kwisizini ephelileyo, abantu abaninzi bebelindele umdlalo ongcono kwiChippa United kule isizini.

IiChilli Boys zivale isizini ka’2015/16 kwindawo yesithandathu.

Ibiqaleka lo nto ukwenzeka kweli qela. Lo msebenzi mhle kangaka wenziwa yindoda yamadoda – uDan ‘Dance’ Malesela.

Kwisizini yakhe yokuqala eqeqesha kwiPSL, uthathe iChippa United wayibeka kwindawo yesithandathu, yangena nakwiMTN 8.

Ekupheleni kwesizini, uMalesela, wathi kule isizini, iChippa United, kufuneka ibe liqela elilwela iindebe. Abalandeli bebhola ngokubanzi bayamkelwa ke lo nto. Kodwa isiqalo sale sizini khange sincumise kwaphela.

Ngamanye amaxesha iyakwazi ukuphumelela umdlalo – kodwa kolandelayo izinto zitshintshe. Kutsha nje iChippa United ihlaze iKaizer Chiefs ngethuba iyibetha ngo’3-1 eNelson Mandela Bay Stadium – kumdlalo olandelayo kodwa yabethwa yiPolokwane City.

Kwiveki ephelileyo iChilli Boys zibethe iHighlands Park ngo’2-0 omhle. Kuhle xa iphumelela – kodwa ubudikidiki bayo buyaxhalabisa ngoba ukhuphiswano kule isizini luthande unyuka.

Nangona isenabo abadlali abaziintsika abafana noThamsanqa Sangweni, Sandile Zuke, Lerato manzini nooMenzi Masuku – kodwa ukuhamba kwabadlali ekupheleni kwesizini ka’2015/16 kuyichanile ngoba, ngoku, inabadlali abaninzi abangenawo amava kwiPSL.

Xa kuvulwa imidlalo yePSL kunyaka ozayo kubalulekile ukuba uMalesela azame ukufumana umdlali ozakufaka amagowuli.

UManzini nguye ithemba leChippa encediswa ngumdlali omtsha uKatlego Mashego – kodwa azibahambeli kakuhle izinto ngamanye amaxesha. Ukungaqhubi kakuhle emidlalweni elandelayo, kunganyanzela iChippa ilwele ukuhlala kwiPSL kwakhona.

Kufuneka iiChilli Boys zigqagqanise kunyaka ozayo ukuze ziqinisekise indawo yazo kumaqela aphambili asibhozo ekupheleni kwale sizini.