Chithani amanzi inkukhu ibalekile. Oku kwenzeke emba kokuba aBafana Bafana bengakwazanga ukuzibekela indawo kwi-Afcon, kwakhona! Abalandeli bebhola eMzantsi Afrika baza kuvuka ngomso bombethe ingubo yehlazo emva kokuba aBafana Bafana bebethwe yiSudan ngo’2-0 emdlalweni kaGroup C wokugqibela wokuzibekela indawo kwi-Afcon eza kube iseCameroon ekuqaleni konyaka ozayo.
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liye eSudan lidinga inqaku elinye kuphela emva kokubambana neGhana ngo’1-1 emdlalweni obuseFNB Stadium ngoLwesine ebusuku kule veki.
Lo nto ithethe ukuthi aBafana Bafana kufuneka balwelwe ukungabethwa okungenani ukuba abakwazi ukuyibetha iSudan. Iboyisile lo nto ngoba emzuzwini wokuqala, uSaifeldin Bakhit, ibhalise igowuli lokuqala ebhodini yatsho yahamba phambili iSudan.
Konke oku kwenzeke emva kokuba iqela likaMolefi Ntseki liphose amathuba amaninzi. Phambi kokusongwa kwesigaba sesibini, uMohamed Abdel Raman ufake igowuli lesibini leSudan atsho ancipha ngakumbi amathuba woMzantsi Afrika wokuzuza impumelelo.
UBen Motshwari, obenikelwe nguThapelo Morena, ukhe wakhaba ibhola efumana ithuba – kodwa ibhola yakhe iye yabanjwa ngu-Eshrein.UNtseki ukhuphe ithemba lokugqibela uPercy Tau, endaweni yakhe ufake uSifiso Hlanti odlala emva.
USudana isebenzile ngoba iye yaqinisekisa ukuba ifaka amagowuli futhi idlala kakuhle ngomso. Babethe njalo ke aBafana Bafana abangaqaliyo ukuphoxa abalandeli baseMzantsi Afrika. Ukugcinwa kukaNtseki njengomqeqeshi yeyona nto eza kuba semilebeni yabantu abaninzi emva kobufede obuboniswe liqela lakhe kwakhona.
Bafana: Williams, Hlatshwayo, Maela, Xulu, Monare, Motshwari, Morena, Zwane, Maboe, Singh, Tau.
South Africa: Khune, Hlanti, Martin, Kutumela, Phete, Mbule, Gamildien, Nodada, Mvala, Lebusa, Pule, Foster.
Iyangcwatywa inkosikazi yaseDutywa ebhaqwe eGqeberha itshisiwe!