Ubukho bukaPalmer benza umahluko kwiBucks

Abadlali beqela iMthatha Bucks

Iqela lebhola elidlala kwiFirst National Division, uMthatha Bucks, linethuba lokuya kwiPremier Soccer League ekupheleni kwale sizini.

Ayikholeleki lo nto xa ujonga umsantsa ophakathi kweBucks neThanda Royal Zulu esenkcochoyini kwiNFD – kodwa ukuba iBucks ingaqokelela amanqaku kule midlalo iseleyo, ithuba lokuya kwiPSL likhona.

Amathol’amnyama aqhuba kakuhle kodwa kufuneka aqinise umqolo ukuze kwenzeke oko. Nangona kwisizini edlulileyo iBucks itsale nzima – kodwa kule isizini izamile kwaye ngoku kubonakala ngathi ifuna ukuntingela phezulu, kuxhomekeke ngoba iphethwe yindoda ewuchanayo umcimbi.

Ekufikeni kwakhe * -Ian Palmer waqinisekisa ukuba uphakamisa umoya wabadlali waphinda waqinisekisa ukuba abaphisi ngemidlalo.

Laqala kakuhle iqela phantsi kukaVelile Dyaloyi – kodwa kwakukho iingxakana ezincinci kwindlela elidlala ngayo iqela. Kubonakala ngathi isigqibo sabaphathi singalulutho kwiBucks ukuba izinto ziyihambela kakuhle kude kuphele isizini.

UPalmer uziguqule izinto kwaye uyabonakala umqela awenzileyo ukusukela ekufikeni kwakhe kweli qela. Amava wakhe awaqokelele kumaqela ohlukeneyo ngaphambili anefuthe kwindlela iBucks eqhuba ngayo.

Kusele ithoba lemidlalo, kuloo midlalo uMthatha Bucks kufuneka uqokelele amanqaku aza kuyibeka kwindawo yesibini okanye eyesithathu ukuze ufumane ithuba lokuya phezulu.

Phantsi kukaPalmer, eli qela laseMthatha lidlale imidlalo emithandathu; liphumelele emithathu, lidlale ntanganye kabini laze labethwa kumdlalo omnye qha. Ngoku iBucks inamanqaku angamashumi amathathu anesibini, ilandela iBlack Leopards neStellenbosch ezingekude kuyaphi.

pedro.mapelo@inl.co.za