Ubulela ithuba alifumeneyo uTiyani Mabunda

UTiyani Mabunda noThuso Phala enkampini yeBafana Bafana, ePolokwane. Umfanekiso: BackpagePix

Umdlali-siswini weMamelodi Sundowns, uTiyani Mabunda, uzimisele ukulwela ilizwe lakhe nangona ebizelwe kwiqela lesizwe ngomzuzu wokugqibela.

Le ndedeba ithathe indawo kaDean Furman weSuperSport United [izolo] owonzakeleyo phambi komdlalo obalulekileyo (wokuzibekela indawo kwiFifa World Cup 2018) ophakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseSenegal ngentsimbi yesithathu emalanga ngomso ePeter Mokaba Stadium.

Ukuchongwa kukaMabunda kufanelekile emva kokudlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeDowns kwiCaf Champions League kwinyanga ephelileyo.

Lo mdlali – owaziwa ngegama elithi “Shuga” – uxelele oonondaba ukuba uyalibulela ithuba alinikiweyo lokumela ilizwe lakhe. “Ndiwulungele umdlalo nam nangona ndifike mva enkampini. Ukudlala kwam ngoMgqibelo kuxhomekeke kumqeqeshi, mna ndikulungele ukudlala. Ndihlangene nezinto ezinzima kwezi nyanga zidlulileyo – kwaye ndifunde izinto ezininzi,” utshilo uShuga.

Amava azuzwe nguMabunda kwimidlalo yeChampions League angalulutho kwiBafana Bafana ukuba lo mdlali unikwa ithuba lokuqala kumdlalo wangomso.

Kunyanzelekile uMzantsi Afrika ufumane impumelelo ukuze wandise amathuba wokudlala kwindebe yehlabathi ngo’2018, eRussia.