Ubundlavini obenziwe ngabalandeli bugxekwa kakhulu yiPSL

Abalandeli be-Orlando Pirates bangene ebaleni izolo ngethuba iqela labo libethwa yiMamelodi Sundowns ngo'6-0 kumdlalo obuseLoftus Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Namhlanje iPremier Soccer League ibugxeke kakhulu ubundlavini obenziwe ngabalandeli behola ekhatywayo kumdlalo obuphakathi kweMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates emalanga izolo eLoftus Stadium. Abalandeli be-Orlando Pirates bangene ngaphathi ebaleni ngetshova, baqhawula iintambo zoomabonakude emva kokufakwa kwegowuli lesithandathu yiSundowns. Esi sehlo sibi sothuse abantu abaninzi sigxekiwe kakhulu ngumongameli weSafa, ugqirha Danny Jordaan nangumphathiswa wezemidlalo nolonwabo, uFikile Mbalula. Nayo iPSL, njengelona qumrhu edlalwa phantsi kwalo le midlalo, yaleke umsundulo kwingxelo yembalelwano eyikhuphe namhlanje.

“SiyiPremier Soccer League siyaxolisa kubo bonke abalandeli bebhola namaqabane wethu, abachaphazelekileyo ebaleni nabo bebebuke kumabonakude ngesi sehlo sayizolo. Ubundlavini obenziwe ngabalandeli [izolo] buchasene nebhola yethu. Kuye kwanyanzeleka ukuba umdlalo umiswe ngusompempe kushiyeke imizuzu esibhozo ukuze kucocwe ebaleni. Emva koko kulandele intlanganiso ebiphakathi kwamagosa wethu abechphele lo mdlalo namagosa wamaqela omabini. Kuye kwagqitywa kwelokuba ugqityezelwe umdlalo. Thina siyiPremier Soccer League silinde ingxelo ebhaliweyo kwabo bebeyinxalenye yalo mdlalo,” itshilo iPSL.

                                                                                  

Ukusukela mhla kwasungulwa iPSL ngo’1995, iziganeko ezifana nezi zinqabe kakhulu. Kukholeleka ukuba lo mbhodamo ushiye kungxwelerheke abantu abalishumi elinesithathu. Bonke abonzakeleyo bangeniswe esibhedlele kwayizolo. Abalandeli bePirates abakwazanga ukunyamezela xeshikweni iqela labo abalithandayo livuthululwa ngolunya yiSundowns ngo’6-0 kumdlalo wePSL wesibini kulo nyaka mtsha.

Kulindeleke iBucs ithawuziswe phambi kwekomiti yamatyala yePSL ngesi senzo – kodwa nayo iSundowns kunokwenzeka ikhwetyelwe phambi kwale komiti ukuze incwinwe ngamalungiselelo wayo wezokhuseleko nanjengoko uxanduba ibilelayo kuba umdlalo ibingowayo.