UBurger uhamba umphelo kwiStormers

Ikamva likaSchalk Burger kwiSuper Rugby, lifikelele esiphelweni kwiveki ephelileyo xa bekubethwa iStormers yiChiefs ngo’60-21 kwiveki ephelileyo.

UBurger usayinqwenelela okuhle iStormers nakwisizini ezayo yeSuper Rugby. Lo mdlali udlale iminyaka eli-16 kumbhoxo wenqanaba loompondo zihlanjiwe. Impumelelo yeStormers kwinkomfa yokuqala yoMzantsi Afrika yenza uBurger akholelwe ukuba eli qela lingahambela phambili kunoku kunyaka ozayo.“Ewe ibihlungu yona, kodwa kufuneka umntu abenendlela yokucinga. Eli qela lihambe indlela ende kakhulu kulo nyaka, siqale neqela elincinci kwaye siqhube kakuhle ukuze sifikelele kwisigaba seveki ephelileyo. Ngelishwa khange isisebenzele le nto ngoku umceli mngeni ojongene neli qela kukuba lidlale lincamathele kwisiseko salo, bonke abadlali kufuneka bazibonakalise,” itshilo ikapteni.

“Kufuneka sisebenzele ukuba liqela elingcono. Umqeqeshi kunye nabaphathi beqela benze umsebenzi oncomekayo, kuba abantu abaninzi khange basinike thuba ekuqaleni konyaka. Ngaphandle koxinizelelo sikwazile ukuphumelela inkomfa.“IChiefs idlala ngendlela ethile esetyenziswa luninzi lamaqela aseNew Zealand, yindlela enzima ukuba idlulwe lelinye iqela. Kunyaka ozayo iqela lizakwenza ngcono xa lidlala nala maqela,” uvale ngokutsho lo mdlali. UBurger uzakudlala kwiSaracens eNgilane kwisizini ezayo, kwisivumelwano seminyaka emibini. Uthe ukujonge ngamehlo abomvu ukwamkelwa lusapho lakhe olutsha. Lo mdlali akaqinisekanga ukuba uzakubakhona kwimidlalo yamabhokobhoko kwinyanga ezayo.