Ubuye nodumo uVan Heerden eMelika

Imbethimanqindli yeli loMzantsi Afrika, uChris van Heerden, ubuye nempumelelo kumlo obuseLas Vegas, eMelika, apho abethe uSteve Claggett waseCanada kwangoMgqibelo.

UVan Heerden, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika nakwi hlabathi kwintshinga ye-IBO kudidi lweWelterweight, ngoku ozinze eCalifornia, uphumelele umlo omkhulu wosuku kwimijikelo elishumi. Zonke iijaji ziye zavumelana ukuba ulwe okwekroti zimnika amanqaku ame ngolu hlobo: 97-93,95-95 no’97-93.

UVan Heerden uphucule imbali yemilo yakhe ngokuthi aphumelele imilo engamashumi amabini anane, ubethwe kwimilo emibini equka umlo wamva nje ebethwe kuwo ngu-Errol Spence kulo nyaka uphelileyo.

Phakathi kwamaxhoba akhe lo kaVan Heerden singabalula iimbethimanqindi ezikumgangatho ophezulu ezifana nooRamon Avila, uRay Narth, uCosme Riviera noMathew Hatton ngelixa uClaggett ebethwe kumlo wakhe wesine kudidi lwabahlawulwayo.

UClaggett yintshatsheli yeCanadian Professional Boxing Council neCanadian Champion kudidi lweWelterweight, usokole ukulwa ngendlela aqhele ukugqugqisa ngayo kwiqonga lokulwa nanjengokuba esaziwa njengembethimanqindi eza phambili ixhola kanobomi.

Kumlo osekela omkhulu kudidi lweJunior Middleweight, uNeeco Macias, (12-0; 6) ubethe wabhulela amasaka uLimberth Ponce (10-3; 8) ngengxelo yeejaji kwimijikelo esibhozo. Iijaji ziwubone oluhlobo lomlo: 79-73, 79-72 no’79-73. Kumlo weWelterweight uMalik Hawkins (7-0; 6) uphumelele kumjikelo wesithandathu ngokuthi angqengqise uErrol Sidney Jr. (6-2-2; 2) noze kulo mlo ezithembile kuba uzakufumana impumelelo kuHawkins.