Ubuyela ebaleni uKolisi emva kwexesha elide onzakele!

UJessica Motaung weKaizer Chiefs noSiya Kolisi weSpringbok emsithweni obuseRandburg, eGoli, kutshanje. Umfanekiso: Facebook

Emva kweenyanga ezintathu zonke engawudlali umbhoxo ngenxa yokonzakala, uSiya Kolisi uza kubuyela ebaleni xa AmaBhokobhoko edibana neWales emdlalweni wokucweya oza kube useCardiff ngoMgqibelo. UKolisi wonzakala kwinyanga kaTshazipuzi edlalela iqela lakhe, iCell C Sharks. Kwaye kwanyanzeleka ukuba enziwe utyando ngokukhawuleza edololweni kusoyikiselwa ukuba angaphoswa kukuya kwitumente yehlabathi. Emva kokuziqeqesha nabanye abadlali beqela lesizwe iiveki eziliqela, uJacques Nienaber umnika uthuba lokuzilola kushiyeke iiveki ezimbalwa phambi kokuqala kweNdebe yeHlabathi eza kube iseFrance. Abanye abadlali ababuya ekonzakaleni abaza kuqala umdlalo ngempelaveki nguBongi Mbonambi no-Ox Nche.

Noxa uNienaber esiya eFrance iqela lakhe liqhwalela ngenxa yabadlali abonzakeleyo abafana noLukhanyo Am – kodwa uthi bazilungiselele ngokupheleleyo. Kubalulekile ukuphumelela kweSpringbok emidlalo yokucweya ngoba kufuneka siqale itumente umoya wabadlali usephezulu emva kokubetha iArgentina emidlalweni yakutshanje. “Sinemidlalo yokucweya emibini esishiyeke nayo phambi kokuqala kweNdebe yeHlabathi. Kubalulekile kuthi ukufumana iziphumo ezihle njengokuba sijonge ukudibana neScotland emdlalweni wethu wokuqala kwitumente yehlabathi,” utshilo uNienaber ethetha neentatheli kule veki. AmaBhokobhoko antingele eYurophu ngempelaveki egqithileyo emva kokwenzelwa itheko lokuthi ndlelantle kwiphondo laseGauteng.

“Abadlali bethu abaninzi balolekile emva kokubadlalisa emidlalweni emine egqithileyo. Siqinisekile ukuba wonke umdlali ukulungele ukungena entsimini asebenze,” utshilo uNienaber ovakalise uvuyo ngokubuyela kukaKolisi nonce ebaleni. “USiya noNche banethuba elide besebenza njengokuba bebonzakele. Sibaqalisa umdlalo ngoba izinto zenzeke ngendlela ebesicwangcise ngayo. Banemidlalo emibini abaza kuzilungiselela ngayo iNdebe yeHlabathi. Kufuneka sibasebenzise ngobulumko ngoba ngabadlali bethu abaziintsika zeqela. UKolisi uneeveki eziqeqesha nathi ngokungafaniyo neNche,” utshilo uNienaber okwathe ulindele iWales ebukhali emdlalweni ongempelaveki. AmaBhokobhoko alungiselela ukuphumelela iNdebe yeHlabathi isihlandlo sesine emva kokuphumelela eJapan ngo2019.