Ubuyela ekhaya uMakazole Mapimpi owonzakele kakubi ebusweni

UMakazole Mapimpi ngumdlali wasephikweni weSpringbok. Umfanekiso: Christophe ARCHAMBAULT/AFP/BackPagePix

Omnye wabadlali abaphambili kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo, uMakazole Mapimpi, usendleleni ebuyela ekhaya emva kokonzala kwakhe ebusweni emdlalweni obungeCawe ephelileyo. Oku kwenzeke emdlalweni wetumente yehlabathi uMzantsi Afrika obethe kuwo iTonga ngo’49-18 kwisixeko saseMarseille, eFrance. Iindaba zokonzakala okubi okufunyenwe nguMapimpi kubhengezwe nguRassie Erasmus ngethuba ethetha neentatheni ekuqaleni kwale veki.

AmaBhokobhoko aphumelele umdlalo obunzima kakhulu futhi ebekunyanzelekile awuphumelele ukuze afumane ithuba lokugqithela kwisigaba esilandelayo setumente yehlabathi nakubeni esalinde iziphumo zomdlalo ophakathi kwe-Ireland neScotland oza kube ungoLwesihlanu kule veki. Ngelishwa uMapimpi akakwazi ukuba yinxalenye yeqela lesizwe ngoba ngeke akwazi ukudlala kwakhona ngenxa yokonzakala kwakhe okubi kakhulu.

“Kusivisa kabuhlungu ukonzakala kukaMapimpi. Wonzakele ebuswe kwindawo ejikeleze ilihlo,” utshilo uErasmus. UMapimpi uza kubuyela ekhaya noMalcolm Marx owonzakele emdlalweni wetumente yehlabathi kwiiveki eziphelileyo. “Siza kumkhumbula uMapimpi nendlela adlala ngayo ebaleni. Ukuba sikwazile ukuya emdlalweni wamagqibelakankqoyi, baza kubuyela eFrance kwakhona,” utshilo uRassie, ngolukhulu uvuyo emva kokuphumelela koMzantsi Afrika emdlalweni ogqithileyo.

“Yimpumelelo enkulu kuthi ngoba siwafumene amanqaku amahlanu sakwazi nokuvula umsantsa kwicala lamanqaku aza kusinceda sivale isigaba sokuqala sikwindawo yokuqala okanye kweyesibini. Likhona ithuba elincinci lokukhutshwa kwethu – kodwa ukuba kwindawo esikuyo ngoku ibiyindlela ebesicwangcise ngayo,” utshilo uRassie. Kuza kucaca emva komdlalo weScotland ne-Ireland okwenzekayo kwiSpringbok.

“Ndikhetha indawo esikuyo ngoku kune-Ireland eyazi kakuhle ukuba kufuneka ibethwe siScotland ngamanqaku asibhozo ngaphandle kwebhonasi ukuze iphume kwitumente yehlabathi. Kumaqela amathathu esidlale nawo, sithi abasendaweni entle kunawo. Siza kulasi iqela esiza kudibana nalo ngoMgqibelo ebusuku,” uvale ngaloo mazwi uErasmus. Abadlali beSpringbok banikwe ikhefu leentsuku ezimbini ukuze bakwazi ukuphila nabaneendawo ezibuhlungu.