Ubuyela eMthatha umdlalo wamanqindi

Amanqindi abuyela eMthatha ngenyanga yokubhiyozela iminyaka elikhulu wazalwayo umongameli wokuqala ontsundu, ongasekhoyo uTata uNelson Rolihlahla Mandela.

Iingxelo zithi uMadiba wayewathanda amanqindi; bambi bathi wayewadlala nangona engazange abe yimbethi manqindi ehlawulwayo.

ILastBorn Boxing Promotions iza kusingatha ingxikela yetumente yamanqindi enemilo elishumi elinanye eZamukulungisa, eWalter Sisulu University ngentsimbi yesibini ngoMgqibelo.

Omnye wabaququzeleli betumente uMlandeli Tengimfene uthi kuza kutaka iintlantsi. “Zonke iimbethi manqindi zethu ezilwa kule tumente zithembise ngokwenza ezibukwayo. Yonke imilo iza kutaka iintlantsi,” utshilo uTengimfene.

OkaTengimfene uthi uMakazole Tete ophantsi koxinizelelo emva kokungenzi kakuhle amatyeli amaninzi, uza kothusa abantu ngoMgqibelo.

“Abantu baza kubona uMakazole omtsha. Uyekile ukonqena, ukhuthele kakhulu ngoku. Uza kwenza ezibukwayo uMakazole ngala mhla,” utshilo.

UTete uza kujijisana nge-IBO Intercontinental enganamntu noJonas Matheus waseNamibia kumlo okudidi lweNtambanani.

Inzalelwane yaseMthatha uSimphiwe Konco uza kubeka intshinga yakhe ye-IBO esichengeni xa edibana noToto Landero wasePhilipine kumlo weNgcongolo. Kumlo wamanenekazi, uSharedene Fortuin waseMpofu uza kuxhwithana ngentshinga ye-IBO Intercontinental noAsanda Nxokwana.

“USheradene linenekazi elinesakhono kakhulu, angawabetha amadoda amaninzi. Emva kwalo umlo, ndifuna alwe noBukiwe Nonina,” utshilo uTengimfene.

UMfusi Maxhayi waseLitha uza kuqubisana noZama Zokwe waseMthatha kumlo omijikelo mithandathu kudidi lweJunior Featherweight. KwiLightweight, uSiseko Makeleni uvana amandla noLuvuyo Mputhi. Kwidabi laseMonti, uXolisa Nkonyane ungombana noThembinkosi Mlamla kwimijikelo emithandathu yeWelterweight.