Ubuyela eqongeni kwakhona uNomeva!

Ibuyela eqongeni intandane yabalandeli baseMonti, uXolisani “Nomeva” Ndongeni, emva kwethuba elide engadlali.

UNongeni, 27, oyinzalelwane yakwaBhaca, uzakuba yinxalenye yeembethi manqindi ezizakuxhimfana kwitumente ezakuba kwiholo i-Orient Theatre, ngentsimbi yesibini ngeCawe umhla weshumi kule yoMnga.

Le tumente yamanqindi iququzelelwa yiRumbe Africa Promotions.

Lo mpondo zihlanjiwe wembethi manqindi ohlala eMdantsane, unqunqele egoqweni iimbethi manqindi ezingamashumi amabini anesibini ajongene nazo ukusuka kunyaka ka-2010.

UNomeva umbulele kakhulu umphathi weRumbe Africa Promotions, uTerris Ntutu, ngokumnika ithuba elimnqabeleyo lokukhwela eqongeni kwakhona.

“Ndiyambulela uMnu. Ntutu ngokundinika eli thuba njengoko nisazi ukuba ndagqibela ukulwa noMendez (Juan Garcia Mendez), eMelika, kunyaka ophelileyo. Kubalandeli bam, yizani ngobuninzi benu nizokubukela uNomeva esenza adume ngazo,” utshilo uNdongeni – oyenye yeembethi manqindi ezinkqenkqeza phambili ngokulandelwa ngabantu.

UNomeva uzakuzama ukukhusela imbali yakhe yokungoyiswa kwimilo enemijikelo esibhozo xa ejongana nembethi manqindi esuka kwiphondo laseGauteng, uHamisa Guleka, athe zange wambona nasemdudweni.

“Andimazi lo mfo – kodwa into endiyaziyo kukuba ndizakumbetha.”

Owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweJunior Bantam-weight, uSiphosethu Mvula, ozokunyathelana ngentupha noJeff Magagane kumlo okudidi lweLight-weight kumlo wesibini ozokuba nemijikelo esibhozo, uthi uzakumthi qwaka-qwaka uMagagane nangona engazange wambukela xa esilwa.

“Indlela endiwulungele ngayo lo mlo andimboni tu eyigqiba imijikelo nangona ndingazange ndambukela esilwa,” utshilo uMvula.

Le tumente izokuquka eminye imilo esibhozo nezobanemijikelo emine umlo ngamnye.