Ubuyela eqongeni uBongani Silila

Ibuyela eqongeni intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweJuniorfly, uBongani Silila.

USilila yenye yeembethimanqindi ebezithwaxwe yimbalela kumankomane ixesha elide ngenxa yokunqatyelwa yimilo.

Le ndedeba igqibele ukulwa kweyoMnga ngonyaka ka2016. Lo kaSilila ugqibe kwelokuba abeke intshinga yakhe esichengeni kumlo oyimpinda ophakathi kwakhe noLuyanda Nkwankwa.

Kumlo wokuqala wezi mbethimanqindi, abagwebi bathi zidlale ntanganye nangona wabonakala njengoyena mntu ophumeleleyo uNkwankwa.

Lo mlo wandulela ingxikela yomlo oza kuwohlula phakathi uMdantsane neZiphunzane, ekuza kube kudibana kuwo intshatsheli yodidi lwempukane uThembelani Nxoshe noNtlahla Ngamntwini. Nala amakhwenkwe aza kube exhelana okwesibini. UNgamntwini wawuphumelela ngamanqaku umlo wokuqala.

Kwakule tumente, owayesakuba yintshatsheli yodidi lwengcongolo, uSiphamandla Baleni, uza kuvana amandla noLoyiso Ngantweni kumlo onemijikelo esibhozo.

Elinye idabi eliza kuthelekisa ezona ndawo ezidume ngokuvelisa iimbethimanqindi ezikudidi oluphezulu kwiindawo zaseBuffalo City, liphakathi kwamagatyana abafana asakhasayo uLuyanda Ntwanambi ophuma eMdantsane noSinethemba Kotana waseMdantsane nabonakala benekamva eliqaqambileyo kumdlalo wamanqindi. Kulindeleke baxhimfane kumlo onemijikelo emine kudidi lwempukane, eOrient Theatre ngentsimbi yesibini ngeCawe.

UNtlantla Tyirha waseMdantsane uza kuqhizana noSabelo Nkosi waseBiko Village. Neminye imilo emibini ekulindeleke kutake iintlantsi kuyo.

Le tumente iququzelelwa yiXaba Promotions and Events ekhokelwa nguAyanda Matiti.