Ubuyele ekhaya unyana wolahleko namhlanje!

Rhulani Mokwena, coach of Orlando Pirates during the 2019 Telkom Knockout quarter final match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Pietermaritzburg, on 2 November 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Namhlanje kothuke
abantu abaninzi ngethuba kusaziswa okokuba unyana wolahleko ubuyele ekhaya. Lo
nyana nguRhulani Mokwena obuyele kwiMamelodi Sundowns – apho wazenzela khona
igama njengomnye woongqondongqondo bebhola ekhatywayo ngethuba elisekela-mqeqeshi
likaPitso Mosimane. Eminyakeni emithathu eyadlulayo, uMokwena wemka kwiSundowns
elibangisa kwi-Orlando Pirates – apho wafika wangumcedisi kaMilutin “Micho”
Sredojevic iminyaka emibini. Kunyaka ophelileyo, uMokwena waye wanyuselwa
wangumqeqeshi oyintloko emva kokuhamba kukaMicho isizini yePSL ka-2019/20
isaqala. Izinto zange zimhambele kakuhle konke konke kwiPirates, kangangokuba
abaphathi bayo baye bagqiba kwelokuba baqesha uJosef Zinnbauer waseJamani
ekupheleni kuka-2019. Waduka emva koko uMokwena – kanti ebengaboni ngasonye noZinnbauer
ngokokutsho kwakhe.

EKwindla kulo
nyaka, iPirates iye yabolekisa ngaye kwiChippa United ebishiywe nguNorman
Mapeza. Umqeqeshe umdlalo wamnye apho kwaqhambuka ikhorona eyanyanzela
abaphathi bePSL bayimise yonke imidlalo ye-Absa Premier Soccer League. Kwiveki
ephelileyo, iChippa ayisandisanga isivumelwano sengqosho sikaMokwena. Namhlanje
uthe vumbu enkampini yeSundowns. UMokwena uza kusebenzisana noManqoba Mnqithi –
olisekela lokuqala. “Ukuba konke kuhamba kakuhle, uMokwena uza kuhamba neSundowns
xa isiya eRustenburg,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSundowns. UMokwena wayekhona
ngethuba iSundowns igqugqisa izwekazi le-Afrika emidlalweni yeCaf Champions
League neSuper Cup. Imkhulule iPirates okaMokwena ngoba wayibeka yacaca
kwantlandlolo into ethi (yena) ngeke akwazi ukusebenza noZennbauer owangena endaweni
yakhe.