Iqela laseGhana iMadeama FC sele lifumene umntu ozakungena endaweni yomqeqeshi obalekileyo uTom Strand, nowaduka emva komdlalo weCAF ngempelaveki. * -Augustine Evans Adotey nguye ozakubambela nje- ngomqeqeshi.
Iingxelo ebezisuka kwela lizwe ebutsheni bale veki ziveze ukuba uStrand ubuyele kwilizwe lakowabo eSweden.
Emva kokubethwa kweMadeam yiMamelodi Sundowns ngo’3-1, eli qela lakhupha ingxelo yokuba umqeqeshi walo uphele emehlweni, washiya imbalelwano yokuyeka kwakhe kwigumbi lehotele.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro