Ubuyele kwiBafana unyana wolahleko

Captions: UThulani Serero ubuyele kwiqela lesizwe emva kokulinikela umva kunyaka ophelileyo

Kuye kwanyanzeleka umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, achophe ayichaze into ebangele aquke uThulani Serero kwiqela labadlali abaza kuqubisana neNigeria kwiveki ezayo.

USerero, 28, walinikela umva ilizwe lakhe kunyaka ophelileyo ngenxa yokungadlaliswa kwiqela lesizwe nguBaxter imidlalo ilandelelana.

Lo mdlali weBafana wathi kungcono ahlale eYurophu endaweni yokonyuka esehla emva koko angadlaliswa.

UMzantsi Afrika wamkela ilizwe laseNigeria kumdlalo obalulekileyo oza kube useFNB Stadium wokuzibekela indawo kwitumente yeAfrika ekulindeleke ibe kunyaka ozayo.

Iingxelo zamajelo eendaba zithi ukubuya kukaSerero ngunozala weengxoxo ebeziphakathi kwakhe nezikhulu zeSouth African Football Association.

UBaxter uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki okokuba uthethile noSerero futhi bavumelana ngokuba akukho mpatho ekhethekileyo aya kuthi ayilindele kuye.

“UThulani ubaxelele abantu beSafa ukuba uyakufuna ukudlalela iqela lesizwe kwakhona. Ndiye ndajonga indlela aqhuba ngayo eqeleni lakhe. Udlala kakuhle kakhulu. Ndithethile naye futhi ndamxelela okokuba ubukho bakhe abunayo imiqathango. Naye undiqinisekisile okokuba kunjalo kwaye uyakuvuyela ukubuyela kwiqela lesizwe. Oku akuthethi kuthi kukwazenzele kwiqela lesizwe. Siyazama ukuqinisa indlela yokuziphatha. UThulani ubiziwe ngoba ungumdlali obalulekileyo,” utshilo uBaxter.

UBaxter ukwamkele ke kambe ukubuya kukaSerero edlalela iqela laseNetherlands, watsho esithi indlela adlala ngayo inokulincedisa iqela lakhe elidlala namaqela afana neNigeria.

“Wathatha isigqibo esibi yena xeshikweni ekhetha ukungezi kwiBafana – kodwa ke wonke umntu unelungelo lokufumana ithuba lesibini. Indlela adlala ngayo inokulincedisa iqela xa lihlasela ngoba ungumdlali onamendu nokwaziyo ukungena kwiindawo ezivalekileyo,” utshilo uBaxter ethetha neentatheli eGoli.

pedro.mapelo@inl.co.za