UPhumelele “The Truth” Cafu unomnqweno wokuxwaya intshinga yehlabathi kwiminyaka emibini ezayo. Le ndedeba yaseDuncan Village, eMonti, ikuthethe oku emva kokugoduka incumile emva kokubetha uGenesisi Libranza wasePhilippine emdlalweni wamanqindi we-IBF International junior bantam-weight obubanjelwe eSoweto, eGoli, ngempelaveki egqithileyo. Ngaphandlwe kwamathandabuzo, uCafu makazibale phakathi kwabantu abanethamsanqa emva kokuphuncuka kuLibranza obeyingozi. Uyimbethimanqindi enamandla uCafu futhi esebenzisa amanqindi wayo ngobuchule – kodwa njengomntu wenyaniso, uyayazi ukuba iLibranza ebehorho. Obekucace ngca kukuba imbethimanqindi yasePhilippine ize eMzantsi Afrika ilambele ukuphumelela ixwaye ibhanti. Akwenzekanga oko ngoba ifike uCafu ewulungiselele umlo.
Oyena mjikelo obunzima kwimbethimanqindi yaseMpuma Koloni ibingowokugqibela. Zombini zigibiselene ngamanqindi anamandla iimbethimanqindi – kodwa zilumkele ukuwiswa ngomzuzu wokugqibela. Ekugqibeleni, uCafu ukwazile ukuzikhusela kuLibrabza ngokumjikelezisa eqongeni nangokumbama kubonakala ukuba (uLibranza) ukhangela indlela yokumwisa. Ebesazi kakuhle ukuba inye indlela yokuphumelela umlo: kukuwisa uCafu. Emva kokuphumelela kwakhe, uCafu ubulele uThixo, usapho lwakhe nabathelekisi bakhe. Ngelishwa lakhe ukhe phantsi isitya sigcwele. “Mandibulele umama wam ozokundibukela namhlanje apha. Ndibulela abathelekisi bam nebantu abaze apha bezokundixhasa,” utshilo uCafu kwiSuperSport TV, phambi kokuthetha ngendoda abejamelene nayo eqongeni. “Umlo wona ubungenzimanga. Ndineeveki ezisibhozo ndilungiselela wona.
“Bendisazi ukuba ndingamwisa yena (uLibranza). Yiyo lo nto kuye kwanyanzeleka ukuba ndibe nomonde, ndilinde ixesha elifanelekileyo. Ndibulela kakhulu abaqeqeshi bam ngokwenzekileyo namhlanje,” utshilo uCafu emva komlo echulumancile. “Mhlawumbi kwiminyaka emibini ezayo, ndifuna ukuba yintshatsheli yehlabathi. Ndiyababulela kwakhona abalandeli bam. Mabahlale besazi ukuba uNyaniso uyabathanda,” itshilo imbethimanqindi yaseMonti emva kwetumente ebiququzelelwe yiXaba Boxing Promotions ekhokelwa nguMnu. Ayanda Matiti. Phambi kokuqubisana noLibrabza emlweni obuseSoweto, uCafu uyibethelele into yokubaluleka kokuphumelela kwakhe umlo ukuze akwazi ukufumana ithuba lokulwa namakhwenkwe amakhulu abe yintshatsheli yehlabathi. Ebeqala ukulwa uCafu kulo nyaka ukusukela mhla wabetha uJackson Chauke kunyaka ophelileyo eMonti.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo