Ucanjalalisiwe kwakhona uMzantsi Afrika

Dean Furman of South Africa challenges Garry Rodrigues of Cape Verde during the World Cup Qualifier match between South Africa and Cape Verde on the 05 September 2017 at Moses Mabhida Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Amathemba oMzantsi Afrika okuya kwindebe yehlabathi ambalwa emva kokubethwa kwawo namhlanje. IBafana Bafana ihlazwe phambi kwabalandeli bayo yiCape Verde ngo’2-1 kumdlalo obunzima ohlakulela iFIFA World Cup, eMoses Mabhida Stadium, kobu busuku. Le yimpumelelo yesibini yeCape Verde kwisithuba nje seveki – kwiveki ephelileyo izibethele uMzantsi Afrika okokuqala ngo’1-0 enkundleni yayo – apho abadlali bakaStuart Baxter bavele bomelwa ziinyawo abakwazi ukudlala umdlalo wabo wesiqhelo. UGarry Rodrigues nguye ongcwabe uMzantsi Afrika ngamagowuli amabini onke kumdlalo wanamhlanje. Omabini la magowuli afakwe kwisigaba sesibini kwaye avele ngenxa yeempazamo zabadlali beBafana Bafana.

Emva kokuphumelela imidlalo emibini, ngoku iCape Verde ihleli kwindawo yesibini kuGroup D ilandela emva kwiBurkina Faso – ezantsi nguMzantsi Afrika neSenegal. Umdlalo wabadlali boMzantsi Afrika ubuphucukile kunalowo weveki ephelileyo – kodwa ngelishwa labo abakwazanga ukuwasebenzisa amathuba futhi nayo iCape Verde iwasebenzisile amathuba ewafumeneyo kwelayo icala. Ukubethwa kweqela likaStuart Baxter kabini kuthetha ukuthi amathuba wokuya kwindebe yehlabathi ezakube iseRussia kunyaka ambalwa futhi ixhomekeke kwiziphumo zeminye imidlalo yamanye amazwe.

Njengoko bekulindelekile nguMzantsi Afrika owuqale kakuhle umdlalo futhi uhlasela – kodwa uTokelo Rantie uphose ithuba elihle ephambi kukanozinti. Abadlali abafana noLebogang Manyama, u-Andile jail noPercy Tau bangene kwabonakala kwisigaba sesibini – kodwa besekonakele ngelo xesha. Abadlali beCape Verde beze kulo mdlalo bekhuthazekile emva kwempumelelo yangoLwesihlanu ogqithileyo futhi bezixelele ukuba bazakuphumelela nanamhlanje. Ukusebenza ngokuzimisela kubabeke endaweni entle kakhulu kuGroup D. Abalandeli beBafana Bafana abebephume ngobuninzi bamke bephoxekile eMoses Mabhida Stadium.

South Africa: Sandilands (G), Gould, Hlatshwayo, Hlanti, Mphahlele, Furman, Kekana, Zwane, Dolly, Grobler, Rantie

Amalalela: Pieterse, Williams, Daniels, Langerman, Mobara, Claasen, Serero, Mokotjo, Jali, Zungu, Manyama, Tau, Erasmus

Cape Verde: Dias, Almeida, Pereira, Rodrigues Dos Santos, Da Druz, Soares, Rocha, Rodrigues, Mendes, Tavares.