UMiquel Cardoso ubalule ukungasetyenziswa kakuhle kwamathuba emva kokuba iMamelodi Sundowns iphulukene nomdlalo okokuqala phantsi kwesandla sakhe ukusukela oko ethe wathatha iintambo kwinyanga ephelileyo.
Kubusuku boMgqibelo odlulileyo, iSundowns iguqiswe phantsi ngegowuli elinye eqandeni yiRaja Casablanca emdlalweni weCAF Champions League. Ibingumdlalo onzima ngoba iSundowns igqibe umdlalo unabadlali abalithoba kuphela ebaleni.
Ukubethwa kweSundowns kothusile cancinci ngoba yawuphumelela ngegowuli elinye umdlalo wokuqala. Nangona ukubethwa kungamoshanga nto kangako – kodwa Kubeka uxinizelelo kuye umqeqeshi ngoba uqeshwe ngabaphathi bakhe benethemba lokuphumelela indebe yeCAF Champions League.
UCardoso usahamba kakuhle kwiBetway Premiership emva kokubethwa amaqela aquka iStellenbosch FC AmaZulu neRichards Bay FC. Emva komdlalo, umqeqeshi uvumile ukuba iRaja iwenze nzima kakhulu umsebenzi weMamelodi Sundowns engafumanga nto.
“Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo ubunzima. Kuye kwanyanzeleka simelane noxinizelelo olubekwe kuthi kwisigaba sokuqala. Lo nto iyichaphazele indlela esidlale ngayo. Asikwazanga ukungena kakuhle emhlabeni oyingozi ngoba abadlali beRaja bebehleli emva,” utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo ngempelaveki.
Bekunzima kwiqela lasePitoli ngoba liye lalahlekelwa ngabadlali balo abaphambili emdlalweni. “Into eyenze umdlalo wanzima kakhulu kukuba kuye kwafakwa igowuli kuthi emizuzwini yokugqibela kwisigaba sokuqala somdlalo.
“Ngenxa yokuphazamiseka kwethu engqondweni, kuye kwanzima kakhulu ukudlala njengeqela elidibeneyo. Oku kwenzeke emva kokuba siphulukene nomdlali. Nangona bekunjalo, sikwazile ukusilawula isigaba sesibini somdlalo. Asikwazanga ukuwasebenzisa amathuba.
“Emva kokuba umdlali wethu ekhutshwe ngekhadi elibomvu, sikwazile ukufumana amathuba esingawasebenzisanga. Okubalulekileyo ngoku kukuba sizilungiselele umdlalo ozayo. Umdlalo olandelayo esidibana kuwo neManiema ubaluleke kakhulu ngoba uza kusinceda siye kumjikelo olandelayo,” uvale ngaloo mazwi uCardoso emva komdlalo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!