UCarnell angangena endaweni kaSolinas

Iphulukene nomqeqeshi wayo iFree State Stars ngesaquphe – kodwa kubonakala ngathi kunganyuselwa uBradley Carnell.

UGiovanni Solinas, umqeqeshi ozalelwe e-Italy, uthathe isigqibo sokulahla njengomqeqeshi weStars ekupheleni kwesizini ka2015/16. Kwincwadi yokulahla ayibhalelele eli qela laseFree State ekuqaleni kwale veki, akukho sizathu esicacileyo esibangele ahambe.

Iingxelo ezivakalayo kumajelo eendaba zithi obesebenza njengesekela mqeqeshi, uCarnell, anganyuselwa ukuze athathe apho ashiye khona uSolinas. Phantsi kweli Taliyane iFree State Stars ibidlala ibhola ephucukileyo futhi lukhona notshintsho nakwezinye izinto. Le ndedeba eyayifudula idlalela, iBafana Bafana, ifike kweli qela ngaxeshanye noSolinas kunyaka ophelileyo.

Intsebenziswayo phakathi kwala madoda mabini ibintle ngoba ekugqibeleni akwazile ukuthatha iFree State Stars kwindawo eyayimbi ekufikeni kwawo, ayibeka kwindawo noko engcono. Eli qela laziwa ngesiteketiso esithi “Ea Lla Koto” livale isizini lithe ngcu kwindawo yeshumi elinanye. Ezinye zezinto eziphazamise isiqalo seli qela kwisizini edlulileyo kukuhamba kuka-Ernst Middendorp – umqeqeshi owavula isizini.

UMiddendorp wayishiya iFree State Stars engabhungisanga, wayoqeqesha iMaritzburg United ayisindise ezembeni. Nangona engekaqokeleli mava angako uCarnell – kodwa yena uyindoda eyaziyo ibhola ekhatywayo yoMzantsi Afrika ngokupheleleyo emva kokudlalela iBafana Bafana, iWits University, iKaizer Chiefs neqela laseJamani kwiminyaka yakhe yokudlala ibhola.

Inye into enokumphazamisa uCarnell kwiStars: kukuthengiswa kwabadlali abaziintsika ngoba lo nto iza kumnyanzela akhangele abadlali kwakhona.