UCasemiro uncede iBrazil ewise iSwitzerlands ebixhathisile kakhulu

UMarquinhos weBrazil noManuel Akanji weSwitzerland emdlalweni weFIFA World Cup obuseStadium 947. Umfanekiso: EPA/Tolga Bozoglu

Kugqityiwe, iBrazil iya kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathi ebanjelwe eQatar isenomdlalo esandleni. Oku kwenzeka emva kokuba ibethe iSwitzerlands ngegowuli elinye emdlalweni wanamhlanje obubanjelwe e974 Stadium ngokuhlwa namhlanje. UTite, umqeqeshi weBrazil, wenze iinguqu eziliqela eqeleni lakhe. Umdlalo weqela lakhe ngaphandle kukaNeymar – ophume engciphuza emdlalweni wokuqala ngenxa yokonzakala – ubungekho kwizinga eliqhelekileyo. Siphelile isigaba sokuqala iyinkwa nenkwa. Amathuba okufaka amagowuli ebekhona, ingakumbi kwiBrazil ebixhokonkxa ngoVinicius Jr noRicharlison ofake amagowuli amabini kwiSerbia kwiveki ephelileyo.

Noxa amathuba ibingenawo kakhulu iSwitzerland – kodwa ibisiya phambili futhi iyifaka engxakini iBrazil. Inyuse igiya iBrazil kwisigaba sesibini. Nangona umdlalo wayo ubungenalo ulwamvila njengeminye imihla – kodwa wona umdlalo ubulawulwa yiyo. UVinicius Jr ufake igowuli elihle emva kokunikelwa ibhola ngobuchule – kodwa igowuli liye lakhatywa yiVAR ebhaqe umdlali weBrazil odlale ibhola kanti ebekhe walalela. Ukungavunywa kwegowuli ibe yinto embi ngoba bekulithuba elide abadlali beBrazil bezama ukudiliza udonga obelenziwe yiSwitzerland ebingafuni ukubethwa.

Uthe gqi uCasemiro, ozibhaqe emhlabeni kanozinti, negowuli ekuthambekeni komdlalo yatsho yaphumelela iBrazil. Ayibethwanga kuba ibifuna ukubethwa iSwitzerland, idlale kakhulu, ngakumbi emva – apho ibigande iifolosi zeBrazil eziyingozi. Ihleli phezulu iBrazil kuGroup G, indelwa yiSwitzerland ebethe iCameroon emdlalweni wokuqala. Emva kokubambana kweCameroon neSerbia ngamagowuli amathathu, iSerbia iza kugoduka – kodwa yona iCameroon iza kuzama ukubetha iBrazil ukuze ibhukuqe iSwitzerland kwindawo yesibini iye kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathu ebanjelwe eQatar. Umjikelo wokuqala weFifa World Cup uza kusongwa ngamaqela onke ngempelaveki.