UCassius Mailula ucacisa ukukhethwa kwakhe iWydad Athletic Club

Owayeyifolosi yeMamelodi Sundowns, uCassius Mailula, uza kudlalela iWydad Athletic Club kwisizini entsha ka2024/25. Oku kwenzeke emva kokuba iqela lakhe, iToronto FC, likhethe ukubolekisa ngaye kwiWydad Athletic Club. UMailula, 23, ufunwe nguRulani Mokwena ukuze aye kwiqela lebhola ekhatywayo laseMorocco ngoba uzama ukulibuyisela kwindawo yalo ephezulu kwizwekazi le’Afrika. Akothusanga ukuhamba kukaMailula kwiToronto ngoba khange imsebenzise kakuhle.

Ukusukela oko washiya iSundowns kwisizini ka2022/23, uMailula akalifumananga ithuba lokudlala nelokukhula ebholeni ekhatywayo ngendlela ewayecinga ngayo. Njengokuba eza kusebenza noMokwena omaziyo nowamnika ithuba lokuziqaqambisa, unethemba lokuvuselela isakhono sakhe sokufaka amagowuli. “Ndinezizathu ezibalekayo ezibangele ukuba ndikhethe ukuya kwiWydad Athletic Club,” utshilo uMailula kwingxelo ekhutshwe ngumanejala wakhe.

“Okokuqala, ndiza kudlala phantsi kukaRulani ondaziyo futhi oyithembayo indlela endidlala ngayo. Nguye owandinceda kwiMamelodi Sundowns. Ngoba iWydad liqela elixabisekileyo, ndiye ndaqonda ndakuthetha nomqeqeshi ondixelele izinto afuna ukuzenza kulo. Enye into ebenalo ifuthe kwisigqibo endisithathileyo kukuba ndiza kufumana ithuba lokudlala kwiClub World Cup eza kube idlalwa ngabadlali aphambili kwihlabathi kunyaka ozayo,” utshilo uMailula oyifolosi eyingozi.

Wemka kwiSundowns enamagowuli alishumi elinesihlanu phantsi kukaMokwena ogxothwe kwiinyanga ezigqithileyo yiSundowns. Ngaphezulu koko, wayeqala nokufumana indawo yakhe kwiqela lesizwe likaHugo Broos ongazange akuthande ukuya kwakhe eMelika. Khange izinto zihambe kakuhle konke konke kwiToronto. Isibhozo kuphela imidlalo ayidlalileyo nafumene amagowuli amabini kuyo. Endaweni yokudlaliswa, uMailula uye wadlaliswa nabadlali beqela elincince kwiToronto.