Isiququ esinekamva eliqaqambileyo ebholeni ekhatywayo, uCassius Mailula, sincede iMamelodi Sundowns ezuze impumelelo yokuqala kwiCAF Champions League namhlanje emalanga. Amasandawana abethe iAl Hilal yaseSudan ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obumhle eLoftus Versveld Stadium. Igowuli elahlule la maqela mabini emdlalweni wanamhlanje lifakwe nguMailula emzuzwini wamashumi amabini anesine kwisigaba sokuqala somdlalo. Ekuqaleni komdlalo, amaqela omabini adlale umdlalo omhle futhi ehlaselana. Akukho qela ebelifuna ukulahlekelwa nakubeni ebemane esiya phambili ezama amagowuli.
Iqela ebelidlalela ekhaya, iSundowns, belidlala ibhola phantsi njengesiqhelo futhi lisiya phambili lisebenzisa abadlali abayingozi abafana noNeo Maema, uMailula noPeter Shalulile. Abadlali bayo iAl Hilal bakwazile ukuyizikhonkxa iifolosi zeSundowns – kodwa kuthe xa kuvela ithuba, uMailula wayohlwaya kabuhlungu. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDowns ihamba phambili ngegowuli elinye. Kwisigaba sesibini, amaqela omabini ahlaselene esebenzisa isantya esiphezulu.
UMailula ubhakuzelise umnatha kwakhona ngebhola eyifumene kuMaema – kodwa umncedisi kasompempe akavumanga ngelithi ulalele. Akukho nto ingako eyenziwe nguRonwen Williams ezipalini zakhe. Zimbalwa iibhola eziphantse zamfaka engxakini ngoba oogxa bakhe abafana noMthobi Mvala badlale kakuhle kakhulu. UWilliams ebeqala ukudlala kwiChampions League njengomdlali weSundowns kwaye ungomnye wabadlali ekulindeleke bayincede kwiphulo layo lokubuyisela ubunganga bayo ebholeni yezwekazi le-Afrika.
Noxa kungekho nelokubika igowuli elifumeneyo iAl Hilal – kodwa ibuyela ekhaya ingatyhafana ngoba akufakwanga magawuli amaninzi kuyo eMzantsi Afrika. Umdlalo wesibini uya kuba nomtsalane ngoba iAl Hilal iza kufuna ukuziphindesela. Amanqaku amathathu kufanele amxolise uRhulani Mokwena emdlalweni wokuqala. Kwiintsuku ezigqithileyo, uyibethelele into ethi iSundowns iza kudlalela ukuphumelela ngoba injongo yayo kukuphakamisa indebe yeChampions League kwakhona. Ukusukela ngoku, iSundowns iza kuxakekiswa yimidlalo yeChampions League.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya