UCaster angophula irekhodi le-800m

Imbaleki yeli loMzantsi Afrika kwi-800m, uCaster Semenya, uphume indawo yokuqala kumjikelo wokuqala kwiheat2 yemidlalo ye-Olimpiki eqhuba eRio de Janeiro.

Lo kaSemenya unomdla wokwaphula irekhodi le’800m elenziwa nguJarmila Kratochvilova ngonyaka ka-1983. USemenya ukwiphulo lokufumana imbasa yakhe yesibini yegolide kwimidlalo ye-Olimpiki. Khange atsale nzima ukuphuma phambili kwabo ebukhuphisana nabo kumjikelo wesibini, waqabela umgca ngexesha elingu’1:59:32.

NgoLwesihlanu uzakube ekhuphisana kumjikelo ophambi kwamagqibela kankqoyi.