UCaster Semenya akanantanga eBerlin!

UCaster Semenya wenze ezibukwayo kwakhona ngethuba ephumelela ukhuphiswano kumgama ongamakhulu asibhozo eemitha (800m) obekuthatha inxaxheba kuwo iimbaleki zehlabathi kwidolophu yaseBerlin kwilizwe laseGermany ngempelaveki edlulileyo.

Le ntokazi yoMzantsi Afrika izuze impumelelo kwi-800m ngexesha elisondele kwimizuzu emibini (1:55.68), ngaphantsi kancinci kwixesha elenze eRio de Janeiro kwimidlalo yee-Olimpiki – apho ibuye iphethe imbasa yeGolide okokuqala.

UFrancine Niyonsaba, osoloko ekhuphisana noSemenya kwinqanaba lehlabathi, ubambe indawo yesibini kwakhona ngexesha elingaphantsi kwemizuzu emibini (1:57.58). Kanti yona intombazana yaseKenya egama lingu-Eunice Sum ifumene indawo yesithathu ngexesha elingaphantsi kwemizuzu emibini (1:57.95).

Emadodeni uDavid Rudisha, intshatsheli ye-Olimpiki, khange akabaphoxanga abalandeli bakhe ngethuba efumana indawo yokuqala kumgama ongamakhulu asibhozo (800m) emva kwakhe kwalandela ugxa wakhe waseKenya uKipyegon Bett.