UCaster Semenya ufumene iDayimane eZurich!

UCaster Semenya wenze adumengazo kwiDiamond League eZurich Umfanekiso: BackpagePix

Kwisithuba nje esingaphantsi kwenyanga, imbaleki yoMzantsi Afrika egqugqisayo kwihlabathi, uCaster Semenya, ufumene imbasa yesibini ebalulekileyo kwinqanaba lehlabathi.

USemenya uzibambele eyona mbasa ephambili, iDayimane, nesityhwentywe semali esingamashumi amane amawaka eedola zaseMelika [$40 000] emva kokuphumelela umdyarho weembaleki oyi-800m ngexesha elingaphantsi nje kwemizuzu emibini [1:56.45] kwiDiamond League esingathwe sisixeko esikhulu iZurich, eSwitzerland, izolo.

Le mbaleki izuze le mpumelelo emva kwesankxwe esenziwe ngabachasene nayo ngakumbi kwizizwe zaseYurophu abayihlasele kabuhlungu ngethuba lee-Olimpiki ebezibanjelwe eRio de Janeiro kwilizwe laseBrazil kwinyanga ephelileyo.

Kulo mdyaro, uSemenya, ubeke emva kwakhe enye yeentokazi ebekhuphisana nazo eRio de Janeiro egama linguNiyonsaba.

Khange kubelula ke kambe kuye uSemenya kweli ityeli ngoba uNiyonsaba noWambui [akhuphisane nabo kwii-Olimpiki] bazamile ukufaka uxinizelelo kuye – kodwa waboyisa ekugqibeleni.

Njengokuba indodana yelizwe loMzantsi Afrika ebuye neGolide kwi-Olimpiki, uWayde van Niekerk, ingakwazanga ukuya kolu khuphiswano luseZurich – uLaShawn Merritt waseMelika – ubambe indawo yokuqala ngemizuzwana engamashumi amane anesine.