UCaster Semenya usazabalazela ukufumana indawo kwii-Olimpiki eziseTokyo

UCaster Semenya yimbaleki yaseMzantsi Afrika eyaziwa kwihlabathi lonke. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Imidlalo ye-Olimpiki iyaqala kwinyanga ezayo nangona kusekho iimbaleki ezisalwela ukuya kuyo kwiindawo ngeendawo ngokohlukana kwemidlalo. UCaster Semenya, enye yeembaleki zaseMzantsi Afrika ezoyikwayo kwihlabathi, usazama ukuzifumanela indawo kwiqela loMzantsi Afrika eliza kuthatha inxaxheba kwitumente eza kusingathwa yiTokyo, isixeko esikhulu eJapan. NgoMgqibelo, uSemenya uza kube ebaleka umgama oyi-5000m kwindawo ekuthiwa kuseRegensburg, aphinde abaleke omnye umgama oyi-105km oza kube useMunich kwelaseJamani. Le ntshatsheli ye-800m kwi-Olimpiki ayizimiselanga ukunikezela nangona ingaphumelelanga kwilinge layo lokuguqula imithetho eyithintelayo kwimigama ethile kuba umbutho olawula iimbaleki zehlabathi usithi kufanele athobe amandla kwiincidi yamadlala emzimbeni wakhe. Kungoku nje uSemenya uvalelwe yedwa iintsuku ezilishumi eGemona ese-Italy ukuze kuqinisekiswe ukuba uyilandela yonke imithetho yeKhorona.

Ukuya kukaSemenya, 30, eYurophu, yinxalenye yokuqinisekisa ukuba uzilungiselela ngokupheleleyo njengoba eza kubaleka kwiitumente ezibalulekileyo phambi kokuphela kwale nyanga. Ethetha ne-Independent Media, usihlalo we-Athletics South Africa uMnu. Jean Verster, uthe: “Unethamsanqa uCaster ngoba kwindawo ahlala kuyo eGemona, kukho iimbaleki ezininzi ezisuka apha eMzantsi Afrika. Okumnandi kwiindawo abavalelwe kuzo kukuba bayakwazi ukuzilolonga. Bonke balungiselelwe iBhasi ekhuselekileyo ebathathayo ibase kwiindawo zokuzilolonga iphinde ibabuyise. Bakube befumene izatifiketi zeKhorona, baza kukwazi ukuhambahamba. Into ebalulekileyo kukuba afumane (uCaster) ixesha elifanelekileyo lokuya kwi-Olimpiki.” Ukuba kunokwenzeka uSemenya angakwazi ukwenza ixesha eliqingqiweyo, ngeke akwazi ukuthatha inxaxheba kwi-Olimpiki. Ingawuchana ke kakhulu uMzantsi Afrika oncwase ukubuya neembasa zegolide. “Kudala ezilolonga uCaster, ukwisimo esilungileyo kakhulu,” utshilo uVerster.