UCaster ufuna igolide eRio de Janeiro

UCaster Semenya ufuna ukubuya neGolide kwimidlalo ye-Olimpiki ezakube iseBrazil kwezi nyanga zizayo.

Le ntokazi ineminyaka engamashumi amabini anesihlanu iphumelele umgama ongamakhulu asibhozo [800m] kwiDiamond League e-Olympic Stadium kutshanje apho athe wenza ixesha elifanayo nelo alenze ekuqaleni kwalo nyaka.

Ushiye intokazi yaseBurundi egama linguFrancine Niyonsaba. USemenya ukwelinye iqondo ukusukela oko uqalile lo unyaka.

EStellenbosch kwezi nyanga zidlulileyo ubuye enze imbali ngokuthi aphumelele i-400m, 800m ne-1 500m ngeyona ndlela incomekayo.

Le mbaleki yaseLimpopo izimisele ukubaleka imigama emide kwi-African Championships ezizakube zibanjelwe eThekwini ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesibini ukuya kowamashumi amabini anesithandathu.

Njengokuba uSemenya wabuya nembasa yeSilivere kwi-Olimpiki ka’2012 eNgilane, ngoku uzimisele ukubuya negolide eRio de Janeiro.

“Kufuneka umgangatho wam ndiwugcine endaweni enye ngoku kude kufike ii-Olimpiki. Iphupha lam kukubuya negolide. Ndonelisekile lixesha endilenzayo ngoku. Zininzi iindawo endizityeleleyo njengokuba siphezu kwamalungiselelo, utshilo uCaster kwikhasi lomnatha leDiamond League.

“Ukufumana imbasa yeyona nto ibalulekileyo kum eRio. Eli lixesha elifanelekileyo, ndafumana isilivere ngo’2012 kodwa ngoku ndiyakwazi ukubaleka ngesantya esiphezulu. Ukubaleka imigama engamakhulu amane kundincedile kakhulu.

“Ngoku kufuneka ndiqinise kwicala lesantya ukuze ndikwazi ukusukela xa kukho iimbaleki phambi kwam. Akululanga, kodwa ndizimisele ukubaleka i800m nangona kumel’uba ndibaleke i400m. Ndifuna ukuphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika,” utshilo uSemenya.

Enye imbaleki yoMzantsi Afrika ekulindeleke ikhuphisane eBirmingham nguCarina Hom oyintshatsheli ye-100m, yena uzakuqubisana noDafne Schippers waseDutch.