UCaster ufuna ukuqwabaza irekhodi likaZola Budd!

UCaster Semenya ebaleka kwi1000m yamanina eAthletix Grand Prix Athletics Series kwiTuks Stadium, Pitoli koka-2018

Izinto zihamba kakuhle kwiimbaleki zoMzantsi Afrika zisuka nje kulo nyaka mtsha.

UCaster Semenya uzimisele ukubhala iincwadi zembali ngokutsha kwiAthletix Grand Prix kule mpelaveki xa eswantsulisana noDominique Scott-Efurd waseMelika kugqatso oluzakube luseDal Josaphat Stadium.

Le mbaleki yelizwe loMzantsi Afrika yenze ezibukwayo kwiveki ephelileyo ngethuba etshatshela kwi800m kunye ne1500m kwiSA Championship.

Okuncumisayo ngempumelelo kaSemenya kukuba ixesha alibalekileyo eliyimizuzu eyi4:01.81 lihle kakhulu ngoku ujonge ukucima imbali eyenziwa nguZola Budd-Pieterse ngo1984 owabaleka ixesha eliyi4:01.99.

Kunyanzelekile abhinqe omfutshane uSemenya ngoba uScott-Efurd akalilo ifokofoko. Uzibonakalise kwiveki ephelileyo ukuba uyakwazi ukubaleka ngethuba ephumelela ugqatso olungumgama oyi5000m kwiveki ephelileyo ngexesha eliyi16:55.05.

Into enika ithemba ngoSemenya kukuba uyimbaleki ezithembileyo futhi ezimiseleyo emsebenzini wayo.

Noxa eza kunyuka umnqantsa kodwa ithemba lokubuya nempumelelo likhona ngenxa yesantya namava anawo.

“EMzantsi Afrika yitayitile into ebalulekileyo. Ugqatso luzakuba nzima kodwa ndizimisele ukuleqa irekhodi elenziwa nguZola. Sendinayo intshinga ye800m ne1000m phantsi kwegama lam. Kungakuhle ukuba ndingafumana i15000m ngoku,” utshilo uSemenya.

Kwelinye icala, uClarence Munyai uqwabaze irekhodi likaWayde van Niekerk ngethuba ephumelela ugqatso ngemizuzwana eyi19.69.

Le ndedeba yakwaMinyai inyukele kwinqabana eliphezulu kwezembali kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo.

Ngoku ubonwa njengomnye weembaleki ezinokuthi zibeke uMzantsi Afrika endaweni entle kwimidyarho yeembaleki yehlabathi.

“Bendisazi ukuba indawo esibaleka kuyo iza kundivumela emva kokubukela abanye abantu bebaleka ngesantya esiphezulu. Ndiye ndazixelela ukuba mandenze qha nangona bendingayilindelanga indlela endiqhube ngayo,” utshilo uMunyai.