UCastillo ukhulule Amakhosi kunzima emdlalweni weMTN8

Amakhosi abethe iCape Town City emdlalweni weMTN8 obuse’Athlone Stadium namhlanje. Umfanekiso: KC/Facebook

Zithe xibilili izibilini kuMolefi Ntseki emva kokuba iKaizer Chiefs ibethe iCape Town City ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weMTN8 obutaka iintlantsi e’Athlone Stadium namhlanje emalanga. Amakhosi liqela lesithathu elizibekele indawo kumjikelo olandelayo weMTN8 eqale kule veki. Umdlalo utake iintlantsi ukusukela kumzuzu wokuqala kwisiqingatha sokuqala. UNtseki, okhethe ukutyhala phambili ngo-Ashley Du Prezz noTebogo Potsane, unikwe umdlalo ophucukileyo kakhulu ngabadlali bakhe futhi ngabo abayibeke phantsi koxinizelelo yatsho yenza neempazamo kwiindawo ezimbi. Kodwa loo mfutho ukhawuleze wacinya liqela ebelidlalela ekhaya phambi kwenginginya yabantu ebise’Athlone Stadium.

Emzuzwini wamshumi amabini anesine, uMarc Van Heerden uyibeke endaweni entle iCape Town City ngegowuli elifake ngentloko. Ufumene ibhola ebigotywe kakuhle nguTaahir Goedeman, ngethamsanqa yafika uVan Heerden eyilindile. Emva kwemizuzu emithathu, uDu Preez uphendule ngegowuli alifake emva kwebhola ayibekelwe kakuhle nguMduduzi Mdantsane. Ngeyiye kwixesha lokuphumla iChiefs ihamba phambili ukuba uPotsane ebekwazile ukusebenzisa ithuba ejongene noDarren Keet. Abuye kwixesha lokuphumla athatha apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. UDarwin Gonzalez noGoedeman bakhe bathanda ukuyisolisa iChiefs kakhulu kwisigaba sesibini – kodwa usebenzile uBrandon Petersen naye ezipalini.

Kuthe kwakucaca ukuba akaveli amagowuli, uEric Tinkler ufake abadlali abathathu ngaxeshanye. Phakathi kwabadlali abangenileyo bekukho uThabo Nodada ofike wenza umahluko ebaleni. Kuye kwanyanzeleka uNjabulo Ngcobo athathe indawo kaThatayaone Ditlhokwe obefumene ukonzakala kwa kwisigaba sokuqala. UNtseki uye wafaka uChivaviro noSaile, wakhupha uPotsane noMmodi. Wenze umahluko omkhulu uSaile ofike wayiyaluzelisa iCape Town City kakubi emva. UKeet uvale iibhola ezimbini ebezisuka kuDu Preez noSaile – kodwa yamoyisa ibhola ka-Edson Castillo ayifake emizuzwini yokugqibela yomdlalo. Le yimpumelelo yokuqala kaNtseki emva kokuba iChiefs ingakwazanga ukuphumelela imidlalo emibini yokuvula isizini.