UCavin Johnson ubalule izinto ezimbini ngeChiefs emva komdlalo obuseMonti

UCavin Johnson ngumqeqeshi obambeleyo weKaizer Chiefs. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Inye kuphela into engamonwabisanga umqeqeshi weKaizer Chiefs emva komdlalo wangempelaveki. Obambeleyo njengomqeqeshi wethutyana, uCavin Johnson, uphalaze imbilini yakhe kwiintatheli emva kokuba iChiefs icanjalaliswe yiChippa United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obumhle eBuffalo City Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo. Amagowuli amabini omdlalo afakwe nguBienvenu Eva Nga noSinoxolo Kwayiba kwisigaba sokuqala somdlalo. Noxa Amakhosi ewuqale kakuhle umdlalo ngokudala amathuba – kodwa akakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle.

Ukubethwa kweChippa kuzishiye zisopha iintliziyo zabalandeli beChiefs ngoba naphakathi evekini ephelileyo ibibethwe yiStellenbosch FC ngo’1-0 emdlalweni obuseFNB Stadium. Nakubeni izinto zingayihambelanga kakuhle – kodwa uJohnson walile ukubeka ityala kubadlali bakhe ngethuba ethetha neentatheli emva komdlalo eMonti. Uthe badlale kakuhle, into engayithandanga kukubethwa qha watsho ehlomela nento yokusweleka kukaLuke Fleurs ogetyengwe ngootsotsi eGoli abamke nemoto yakhe kwiveki ephelileyo njengento ebenefuthe.

“Kubi kuthi ngoba siphulukene nomdlalo – kodwa ngeke ndithi ayindonwabisanga indlela abadlale ngayo abadlali,” utshilo uJohnson emva komdlalo. Amakhosi ayicishilele iChippa United kuso sonke isiqingatha sesibini – kodwa into angakwazanga ukuyenza kukubhakuzelisa umnatha. “Badlale kakuhle abadlali. Into endingayithandanga yindlela esiphise ngayo ngamagowuli. Emva kokuba abadlali begqibe kwelokuba badlale emva kokusweleka kukagxa wabo, ndingatsho ndithi siqhube kakuhle kakhulu. Sikhe sachitha ixesha nosapho lakwaFleurs phambi kokuza kwethu apha eMonti ngoba besifuna ukusondelelana nabo,” utshilo umqeqeshi.

Njengokuba ngoku kushiyeke imidlalo esixhenxe, iChiefs kufuneka idlalele oku kokungena kwiTop 8. UJohnson uthe iqela lakhe alizukunikezela, liza kudlala kude kube ngumzuzu wokugqibela. “Yah, kufuneka sizame kude kukhala intsimbi ethi kuyavalwa. Kude kuphele isizini, ngoku andikwazi ukuthetha ngokubuyela emidlalweni yeCAF,” utshilo uJohnson ekulindeleke ukuba ashenxe esikhundleni xa kuphela isizini. Amakhosi akhangela umqeqeshi omtsha njengakunyaka ophelileyo. Zange amfumane owaseTunisia ngenxa yezinto ezithile. Kodwa ke okwangoku akukacaci ukuba ngubani oya kukhupha iChiefs ehlazweni.