Umqeqeshi obambeleyo kwiKaizer Chiefs, uCavin Johnson, akaxolanga yindlela usompempe awuphethe ngayo umdlalo wayizolo. Oku ukuvakalise emva kokuba iChiefs ihlazwe yiMamelodi Sundowns ngenqwaba yamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium izolo ebusuku.
Ngokuphumelela kwayo iSundowns, iye yaqinisekiswa njengeentshatsheli ezintsha zeDStv Premiership. Ngelishwa lawo Amakhosi, kufuneka asebenze ngamandla emidlalweni elandelayo ukuze aqinisekise indawo yawo kwiTop 8.
Nangona Amakhosi esidlale kakuhle isiqingatha sokuqala – kodwa ukukhutshwa kukaGiven Msimanga kuye kwawakhubaza ngoba ashiyeke eqhwalela ebaleni. UMsimanga uwise uLucas Ribeiro obesiya ngqo ezipalini zikaBruce Bvuma ekungene kuye amagowuli amahlanu kwisigaba sesibini somdlalo.
UJohnson uthi uAbongile Tom akawenzanga kakuhle umsebenzi wakhe izolo. “Ndiyavuyisana neSundowns ngokuphumelela indebe namhlanje. Ndicinga ukuba umdlalo woniwe likhadi elibomvu. Andiqinisekanga nokuba belifanelekile ikhadi, ndiza kuzinika ithuba ndijonge kwakhona,” utshilo uJohnson.
“Sikwazile ukuyibamba iSundowns kwisigaba sokuqala sinabadlali abalishumi. Abadlali bethu badlale ngokubambisana futhi bakwazile nokuhlasela bengaphelelanga. Siye kwisigaba sesibini sicinga ukuba singamelana neSundowns side sifumane negowuli.
Bekufanele ukuba usompempe uyohlwayile iSundowns kwela gowuli lokuqala elifakwe kuthi – kodwa uye wakhomba kwelinye icala. Emva kokufakwa kwamagowuli, amandla wabadlali aye etha. Bekufanele ukuba sidlale bhetele kwisigaba sesibini, ngakumbi emva – kodwa ke asikwazanga,” utshilo umqeqeshi.
Eququmbela intetho yakhe, uJohnson uthe kufuneka bavuthulule bazame ukuqokelela amanqaku emidlalweni emine eshiyekileyo phambi kokusongwa kwesizini. Into ebembi ngokubethwa kweChiefs emdlalweni wayizolo kukuba ngoku akukho siqinisekiso sokuba iza kufumana indawo kwiTop 8 xa kuphela isizini ka2023/24.
Iza kunyuka umnqantsa iChiefs ngoba iza kudibana neTS Galaxy esoloko iyisokolisa emidlalweni yeDStv Premiership. Emva koko, Amakhosi aza kwamkela AmaZulu komnye umdlalo ekulindeleke ukuba ube nzima.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo