UCavin Johnson uyicelela uxolo iChiefs ehlazwe yiMilford emdlalweni weNedbank Cup

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uCavin Johnson, ugqibe kwelokuba azithobe acele uxolo kwizihlwele zabalandeli emva kokuba iqela lakhe likhutshwe ziidyongo kwiNedbank Cup. Amakhosi ayophisa emva kokuba ebethwe yiMilford ngo’5-4 kwiipela emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eFNB Stadium ngeCawe ebusuku. Kuye kwanyanzeleka ukuba usompempe ongeze elinye ixesha emva kokuba kungabangakho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.

Abalandeli beChiefs bashiyeke bephoxeke kakhulu emva kokubethwa kweqela labo. Okwenze kwabuhlungu kakhulu kukuba iChiefs ibinawo amathuba emdlalweni futhi ayiqali ukubethwa liqela elidlala kumgangatho osezantsi kwiNedbank Cup. Ukubethwa kweChiefs kufana nokuba iphelile isizini kuyo ngoba akusekho nentlantsi yethemba lendebe kuyo kule sizini. Into engayidlalela ngoku yindawo ebhetele kwiDStv Premiership. Nakuyo iza kunyuka umnqantsa ngoba amaqela ayikrobele.

“Yah, mandixolise kwizigidi zabalandeli beChiefs. Ndiqinisekile ukuba beziwubukele kumabonakude umdlalo. Akungaba siyivumele iMilford yasihlasela. Khange ikwazi nokukhabela ezipalini zethu emdlalweni wonke. Sizamile ebesinokwenza – kodwa asiphumelelanga. Into esingayivala ngayo le nto eyenzeke namhlanje kukudlala kakuhle kwiDStv Premership,” utshilo uJohnson ethetha neentatheli emva komdlalo ebusuku izolo. Amakhosi aneminyaka elithoba egcweleyo engasayifumani indebe.

Agqibela kusekho uStuart Baxter ngo2015. Emva koko, iChiefs inike abaqeqeshi abaninzi uxanduva lokubuyisa isidima sayo – kodwa bonke bemnke boyisiwe. Amadoda aziwayo aquka uErnst Middendorp, uSteve Komphela, uBaxter (okwesibini) noGavin Hunt – ahamba ephaca kwiChiefs. “Njengomqeqeshi okhoyo ngoku, kufuneka ndithwale umthwalo weminyaka yendlala elithoba. Singabaqeqeshi nabadlali kufuneka ke sizibhence siphinde sijonge ukuba singenza ntoni ngoku kwiDStv Premiership,” utshilo uJohnson emva komdlalo.