UCecil Afrika uzakuzenzela imbali eHong Kong

Cecil Afrika of South Africa during day 1 of the 2016/17 HSBC Cape Town Sevens rugby match between South Africa and Australia at Cape Town Stadium, Cape Town on 10 December 2016 ©Chris Ricco/BackpagePix

Omnye wabadlali beBlitzboks abaqaqambe okwenkwenkwezi ebusuku kulindeleke ukuba abhale iincwadi zembali ngokutsha kwakhona xa iqela loMzantsi Afrika lombhoxo lizakube lithatha inxaxheba kwiWorld Rugby Seven Series Tournament kwiveki ezyo. Igama lalo mdlali nguCecile Afrika – othe wafaka amanqaku akwiwaka namkhulu amabini amanqaku waze waphumelela iitumente eziliqela njengomdlali weSpringbok Sevens kwinqanaba lehlabathi.

Lo ka-Afrika, 29, untingele eHong Kong – apho aayinxalenye yeqela lesizwe loMzantsi Afrika elincinane elizakudlala itumente yehlabathi. Kule tumente, lo mdlali kulindleke ukuba adlale ityeli lamashumi amahlanu kwitumente yehlabathi yeRugby Sevens. Yinto enkulu kakhulu kele kulo mdlali ophume izandla kumdlalo wombhoxo nangona ebecinga ukuba yinto engenawuze yenzeke emva kokuhlaselwa kukonzakala kwiminyaka emine edlulileyo kule ndawo abuyele kuyo. “Kwiminyaka edlulileyo, ndonzakala kakubi eHong Kong,” utshilo u-Afrika phambi kokuhamba kweBlitzboks eziya kwi-2017 World Series.

“Ngenxa yoko kwenzakala, kwathiwa ndakube ndinethamsanqa ukuba ndilifumene elinye ithuba lokudlala umbhoxo kwakhona. Kodwa kwathi kanti ukonzakala kwam akunabuzaza kangako, ndibuyela kula ndawo kwakhona – apho ndizakudlala itumente yam yamashumi amahlanu. Kwelinye icala kubi ngoba ndandicinga ukuba kuphelile ngekhono lam lombhoxo – kodwa ngoku kwenzeka into enkulu kwakule ndawo inye,” utshilo u-Afrika.

Pedro Maphelo's photo.

South Africa celebrate winning the HSBC USA Sevens on day three of the HSBC World Rugby Sevens Series 2016-17 in Las Vegas on 5 March, 2017. Photo: Martin Seras Lima

Abanye abadlali abafikeleleyo kwiitumente ezingamashumi amahlanu nguFrankie Home (68), Chris Dry (58), Kyle Brown (58) noBranco du Preez (51). Le ndodana ithi ibinomnqweno wokudlala umdlalo wayo wamashumi amashanu kwiWorld Rugby Series phambi kwabantu bayo eBhayi – apho izalelwe khona, kodwa ke iyayiqonda ukuba lo nto ayisenzekanga. ISpringbok Sevens iza kuqubisana neFrance ngoLwesihlanu ozayo, kulandele iKenya ngoMgqibelo neJapan.