UCedric Kaze unethemba lokuhle emva kweHome of Legends Cup!

Amakhosi ziintshatsheli zokuqala zeHome of Legends Cup. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Isekelamqeqeshi leKaizer Chiefs, uCedric Kaze, lizamkele ngovuyo iziphumoo zomdlalo wokugqibela latsho libulela nethuba lokuthatha inxaxheba elinikwe iqela lalo kwiHome of Legends Cup kwimpelaveki egqithileyo. Amakhosi agoduke nendebe ehamba neR1,5-million kwiHome of Legends Cup okokuqala emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’5-4 kwiipenela emdlalweni ophele iliqanda macala eNelson Mandela Bay Stadium.

Le tumente yosuku olunye isungulwe yiNelson Mandela Bay Metro ijonge ukufunqula ukhenketho noshishino eGqeberha. Emdlalweni wokuvula usuku, Amakhosi abethe iGolden Arrows ngo’2-0. Yona iSundowns ibethe iChippa United kwiipenela emva komdlalo oye waphela ngo’1-1.

UKaze, obexhuzula imikhala yolawulo endaweni kaNasreddine Nabi obengekho, ukhokele iChiefs efumene indebe kwitumente ebinenani eliphantsi kakhulu lababukeli ngoMgqibelo odlulileyo eGqeberha. Nangani kunjalo, abaqeqeshi bonke bawuncomile umsebenzi omhle owenziwe ngabaququzeleli betumente eqingqithe imini yonke.

Okuthe konelisa umqeqeshi weChiefs wosuku ngumsebenzi owenziwe ngabadlali abaquke uSibongiseni Mthethwa, uTebogo Potsane, uPule Mmodi, Ashley Du Preez, uNkosingiphile Ngcobo, uZitha Kwinika noGiven Msimango. “Umdlalo ubumhle futhi sikwazile ukunika wonke umntu ithuba lokudlala.

“Bekukuhle ngoba sivale usuku siziintshatsheli,” utshilo uKaze emva komdlalo wokugqibela eGqeberha. Ibikokwesibini Amakhosi ephumelela indebe yosuku. Enye yiCufa Cup ebikwinyanga ephelileyo. Nakubeni iyitumente yosuku – kodwa sinethemba lokuba iziphumo ziza kusikhuthaza njengokuba sisiya emidlalweni yeBetway Premiership,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi.

Amakhosi aza kudibana neRichards Bay emdlalweni oza kube usePeter Mokaba Stadium ngoLwesithathu weveki ezayo. Ngumdlalo ekunyanzelekileyo Amakhosi alwele iziphumo ezincumisayo emva kokubambana neMagesi FC emdlalweni wokugqibela phambi kwekhefu lemidlalo ephantsi kweFifa.